Umfundisi usengxakini ngenxa yesincwaso

UMFUNDISI webandla lamaWisile usecicini lokuphulukana nesikhundla sakhe emva kwezityholo zokuncwasa okukhatshwa kukuqhasa inqwaba yamakhosikazi atshatileyo nangatshatanga kwirhamente yakhe.

Izenzo zalo mfundisi, ozinze kwibandla laseWisile elikwisekethe yaKwaNtshunqe eMqanduli, zide zabangela ukuba inkosikazi yakhe yeminyaka elishumi elinesine igqibe kwelokuphuma kulo mtshato ngenxa “yokrexezo.”

I’solezwe lingadiza ukuba lo mfundisi kuye kwanyanzeleka ukuba anqunyanyiswe ebandleni emva kokuxelwa kwisigqeba solawulo yinkosikazi etshatileyo ekhonza kule sekethe “ekruqukileyo” zizenzo zakhe.

Le nkosikazi ithi lo mfundisi wafuna inombolo yakhe kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo.

“Emva kokuba ndimnike inombolo yam, andizange ndiphumle, wayethe gqolo ukunditsalela umnxeba esithi ufuna sithandane, endithumelela imiyalezo enesincwaso. Kwelinye ixesha wathi ufuna ukuyeka umfazi wakhe atshate mna kodwa nditshatile,” itsho le nkosikazi.

“Ndabona ukuba mandixelele umyeni wam – ongakhonzi phaya eWisile – kuba bendikruqukile yile nto yenziwa ngulo tata obaluleke kangaka ebandleni. Ngamanye amaxesha ebeye afowune umyeni wam ekhona ngokuhlwa, esithi uyandikhumbula kwaye ufuna sithandane,” itshilo le nkosikazi yaseWisile.

Le nkosikazi ithi umyeni wayo wothuka kukuva oku. “Umyeni wam uye wancokolela umhlobo wakhe esithi ucela kuxelelwe umfundisi ukuba ohlukane nam, kodwa zange ayeke endaweni yoko uqhubile endiqhasa esithi ufuna ukuba sithandane,” itsho le nkosikazi.

Omnye womyalezo othunyelwe ngulo mfundisi usiya kule nkosikazi ufundeka ngolu hlobo: “Nytoooo luv [ulale kakuhle sithandwa].”

Umfundisi lo kuyacaca ukuba asimntu uchaseleyo kumabholo “okrexezo” kuba kukho izityholo zokuba sesuka kubanjwa emfazini wendoda wathinjelwa imoto yakhe “emva koko waphosisa wathi yonakele”.

Umfazi walo mfundisi uthi ubone ukuba makaguzuke kulo mtshato. “Benditshate nomntu ongazaziyo ukuba utshatile. Ebengandihloniphi nanjengoko ebekhe avuke ezinzulwini zobusuku ancokole kuWhatsApp namankazana akhe. Xa engalelanga endlini, ebengafuni nokubuzwa. Xa umbuza ukuba ulele phi, ebevele abenomsindo,” itsho inkosikazi kamfundisi.

Igosa eliphezulu kule sekethe lithi lo mfundisi ebenomkhwa wokusoloko encoma amantombazana xa eshumayela. “Intshumayelo yakhe ibisoloko ilumeza kuba ebekhe agxile kwizinto ezenza amantombazana abemahle; izinto ezifana nokulungiswa kolusu. Zange ndambona umntu othanda amankazana njengalo mfundisi.”

Inkqubo yoluleko ngakulo mfundisi iqhutywe ngoLwesibini noxa nje iziphumo zenkqubo yoluleko zingekathiwa thaca kuwonkewonke. Ephendula kwezi zityholo, lo mfundisi uthe: “Asiyonto yamaphephandaba le, nokuba ikhona okanye ayikho. Ayikho into yokuba [ndincwasa] irhamente. Akukho sihlahla kule nto futhi andifuni kuthetha ngemiba yaseWisile koonondaba.”

Intsumpa yale sekethe uMfundisi N.S. Nyembenya walile ukuphefumla ngalo mba koonondaba.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za