Umhlola wamaxhego afincelelayo!

Uthe xa usongwa umnyaka ka-2016 nezinto zawo, ezinye zimbi zidandathekisa imiphefumlo kwabaninzi, ukanti ikwangunyaka wokukhanya namathamsanqa kwabanye, iintsapho ngeentsapho zayimiqodi ukugoduka, kusukwa kwiindawo zempangelo nengqesho, kusingiswe kumakhaya emveli.

Nam nolwam usapho sibaxubile abo bangamagoduka abangonoothwal`impahlana kusingiswe kuloo makhaya ashushu nayimvuze-mvuze bububele nothando kwiphondo leMpuma Koloni.

Koomabonakude, koonomathotholo nakweminye imijelo yonxibelelwano, intlaba-mkhosi ebihlala ivakala inkenteza ezindlebeni zabo bonke abantu yileyo ithi, “Woza Disemba!”

Inyanga yoMnga, ethande ukubekelwa izisusa nemisebenzi ziintsapho ngeentsapho kuba kaloku uninzi lwamalungu eentsapho afumana ithuba lekhefu neholide kule nyanga.

Nanjengendoda yomXhosa ke, kulindeleke ukuba xa ndiphakathi kwekhaya, ndivule amehlo, ndibaze neendlebe ukuze ndibe nokubona ndisabele malunga nemizi eza kube inemisebenzi nezisusa.

Okulandelayo kukuba ndiye kuzimasa kwezo zisusa ukuze kaloku nam xa ndisindleka abantu kwisisusa seyam indlu, nabanye abantu baphume baze kuzimasa banike inkxaso.

Phakathi kwemisebenzi eliqela endizimase kuyo, ndingakhankanya emine yokuqatywa kwabantwana abanabazali abasebenza kwiidolophu ezithe qelele kwiCumakala yakowethu, iidolophu ezifana neKapa, iRhawuthi, iBhayi neKhimbali. Negqibelo lam uCwenga Thunjana Mavela, ube nethamsanqa lokuqatywa phakathi kwezo mveku beziqatywa kwelo laseCumakala lamaNgqika.

Imitshato ibilapho, iidinala zilapho, iinkomo zezila nezokubuyiswa keentloko zamakhaya bezilapho, kodwa eyona misebenzi ibigqame ngakumbi ibiyimigidi yokubuyiswa kwamakhwenkwe entabeni.

Ubusithi usehla ngesinye isitalato, ubeve abafana bengqokola ngemicilikazi besithi, “Somagwaza! Somagwaza! Ndakugwaza ngalo mkhonto!”

Uthi xa unyuka ngesinye isitalato, uve iintombi noomama bevuma begcobele ukubuya kwendodana yekhaya besithi, “Alukh`usana olungenamama, yas`ke yakhal`inkedam`ingenanina!”

Kusenjalo, zingene ziphokoka izalamane, izihlobo nabamelwane, kuziwe kugidwa kuphekiswe kulo mzi unomgidi! Kungenwa kuthwelwe iifatyi nemiphanda yotywala, bambi bethe qhiwu ezo mbodlela zegrangqa ziza kuphathwa phantsi kwamakhwapha ngamanina zibizwe ngamabele!

Zithi zakubekwa enkundleni ezo mbodlela, zabiwe ngokwezikhundla nezihlalo, zimbi ziye kootata, kubafana, ezintombini nakoomama! Naphi na ke mawethu, ukukhwina soze kungabikho. Liya kuthi ngoku iqela lootata linciphile, kodwa uqaphele ukuba ezona mbodlela zininzi zishiyeka apha kubo.

Zithi zakuthi thande kuhle ezo mbodlela phambi kwabo, zingahambi zodwa ke phofu, kuba khaba ngalinye linegongqo neebhekile zalo, kuhonjiswe nangezo bhotile ziliqela zebhiya zibizwa ngokuba ziiflawa (flowers), ezithathwa ngokuba zizinwe zekhaya ezijolise ekuhombiseni umsebenzi lowo. Inkathazo ke kum ivela kanye xa kukwesi sithuba sokusetyenziswa kotywala basemzini. Inene into engeyoyakho, ixesha elininzi iyathanda ukuza neengxaki.

Utywala basemzini obuze ngeembodlela apha kowethu, bukhe bakhatywa nangabaprofeti abafana nooNtsikana kaGabha, kuquka neembongi zesizwe ezifana noKrune Mqhayi, bonke beyibeka icace into yokuba, obu tywala basemzini bungangumbulala-zwe.

Bambi kubabhali besiXhosa, kuquka umbhali uMazizandile Yekela, kwincwadi yakhe ethi “Amaxesha empucuko”, bakhe babonisa nangelithi “Eyona ngxaki asibotywala, koko ingxaki yindlela ubani abusebenzisa ngayo.”

Watsho esithi “Utywala mabungasetyenziselwa ukuzibulala nokuchitha isizwe, koko mabusetyenziselwe ukuziphilisa.”

Mawethu xa utywala basemzini buxutha nesidima sethu, kumele sizibuze ukuba sisingise phi na. Kuzo zontathu iidolophu zeMpuma Koloni ebendizityelele kwezi holide nendingazi kuzikhankanya, ndibe nethamsanqa lokuya emigidini.

Umhlola endiwubone kuloo migidi undishiye ndimangalisiwe, kunjalo nje ndithe ndisiya kubeka icala kumondlalo wakowethu, suka kwasa phandle ndithe phuhlu amehlo kukuphuthelwa.

KwaXhosa emva kokwamkelwa kotywala basemzini kwizisusa zethu zemveli, zisusa ezo bezingenanto yakwenza nobo, kukhangeleke kuvunyelwana ngookhokho bethu ngelithi iqwelo okanye ingqokhoqo kwezo mbodlela, inikwe amaxhego okanye oyena mntu kwelo khaba unezilimela ezithe kratya kunabanye.

Uya kuthi lowo unikwa elo qwele emva kokuba eliselile ngeglasana encinci, injoli ilahlele phantsi loobhotile bekuphokozwa kuyo, ukuze umfana othile atsibe ayichole aye kuyilahlela ngaphandle enkundleni.

Kuyaziwa ke ukuba ngeli lixa umfana lowo aya kuyilahlela kude loo mbodlela, ufumana ithuba lokufincelela loo ntwana yegrangqa iseleyo.

Kaloku ukufincelela oku sele ikokwabafana, lihlazo into yokubona ixhego nendoda eliqina iqethule intloko ifincelela imbodlela.

Kweminye yemigidi endiyihambileyo kwezi dolophu zakowethu, lihlazo nomhlola endiwubonileyo lo, umhlola wamaxhego ohlutha imbodlela emfaneni, aqethule iintloko ayimhomhe ngeenjongo zokuyifincelela! Hayi kucacile ukuba isizwe esi sethu siya sinxanwa mpela, naku sibona amaxhego engoyiki ukufincelela iibhotile zotywala!

Inene utywala bembodlela buya kusiphuca isidima sethu ukuba asiqondanga!

– isibhalo@inl.co.za