UMinentle Mayedwa (1) ulixhoba lomlo wenqununu ezimbini

UPhumeza Ndala ophulukene nesikolo sabantwana abaselula iKids At Langelitsha Educare Centre eMdantsane eNU2UMFANEKISO: SIYANDA ZAKHE

UMinentle Mayedwa (1) udinga indawo yokufunda ngenxa yomlo ophakathi kwenqununu yesikolo sakhe iKids at Langelitsha kunye nenqununu yesikolo samabanga aphantsi iLangelitsha eMdantsane.

Ngabantwana abasaqala isikolo abangamashumi asixhenxe abathe bachatshazelwa yimeko yokuvalwa kweKids at Langelitsha.

Isikolo sabantwana abasaqalayo iKids at Langelitsha sisebenzisa isakhiwo kwisikolo iLangelitsha emva kokuba esi sakhiwo sasihleli singasebenzi. Inqununu yesikolo iLangelitsha yiyo enegunya kwesi sakhiwo kwaye iyalele ukuba ivalwe (Kids at Langelitsha) lendawo kwachaphazeleka iintsapho kwakunye nabantwana.

Unina kaMinentle Mayedwa uSomila uthi baxakene nento ngenxa yokuvalwa kweliziko. “Ndiyaphangela andiyazi ukuba ndizakumthini umntwana, sele ndithenge nezinto zokunxiba zesikolo, ndiza kuzithini ezompahla ngoku,” utsho uMayedwa.

Inqununu yesikolo iKids at Langelitsha uPhumeza Ndala uthi akasazi isizathu sokuvalwa kweli ziko kuba belinceda abantwana.

“Ndifike ndibethwa liqhagi esangweni, inqununu yesikolo ayivumi ndingene kanti ndaqala le ndawo kwigumbi elimdaka elaligcwele inkunkuma lingasetyenziswa, ndalicoca ndenza lendawo yokufundisa aba bantwana,” uthethe watsho uNdala.

Bangaphezu kwekhulu abantwana abaqale ukungena kwesi sikolo ukusukela ngonyaka ka-2015 emva kokuba sathi saqala ukuvula iingcango.

“Ndavunyelwa libhunga elilawula isikolo ukuba ndingene ndenze iziko labantwana apha, kuba ndandingaphangeli ndizama ukuzenzela mna nabanye abanje ngam abangaphangeliyo,” utsho uNdala. Uninzi lwabantwana abebefunda kwesisikolo bafakwe kwezinye izikolo ngabazali babo ngenxa yokuba singade sivule ingcango.

“Siyasokola singabazali kuba uPhumeza ebesigcinela ekwasifundisela abantwana bethu ngendlela eyiyo bayadinga ngoku, ezinye izikolo sele zivalile ukuthatha abantwana,” utsho uMayedwa.

Ukanti inqununu yesikolo ithi yayimazisile uPhumeza Ndala ukuba izakulifuna eli gumbi kuba badinga amagumbi okusebenza.

Umphathiswa wemfundo esisiseko uAngie Motsekga kwiveki ephelileyo udize ukuba kubalulekile ukuqinisekisa ukuba ukuphuculwa kwemfundo eMzantsi Afrika kuqala kumabanga asezantsi.

“Ukuba sifuna iziphumo eziphucukileyo kwibanga leshumi kufuneka siqinisekise ngemfundo eyiyo phaya kumabanga abasaqalayo, ukuze bafike sele belolekile,” watsho uMotsekga.

Bangaphantsi kweshumi abantwana abafumene indawo kwezinye iziko, kumashumi asixhenxe ebekumele ukuba bangene kweli ziko, uninzi lisadinga.

Eli ziko lelinye eliphantsi kweSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, ngokutsho kwesithethi seli sebe kweli phondo uMalibongwe Mtima.

Usihlalo wombutho wezikolo zabasaqalayo eMdantsane iKhayalethemba Forum uNoluvuyo David uthi abanelanga yingcaciso yenqununu ngethuba echaza izizathu zokuvala kweli ziko.

“Zininzi izizathu ezahlukileyo asinike zona unqununu, uthi uyalifuna ela gumbi kuba uzakulisebenzisa, aphinde athi kukho abahlali abathi abamfuni lo nqununu weli ziko kuba akangowaphaya, kwayena uyavuma ukuba ikhona imfuneko yeziko labantwana abasaqalayo,” utshilo uDavid.