Umlilo utshabalalise amatyotyombe aseKhayelitsha

Umonakalo odalwe ngumlilo kumatyotyombe aseKhayelitsha eKapa

Kapa: Ngutata nosana lwakhe abathe basweleka kumlilo
otshabalalise amatyotyombe kwingingqi yoo-K eSiteB eKhayelitsha ngentseni
yanamhlanje.

Ingxelo yabeenkonzo zomlilo nohlangulo kwiSixeko seKapa, ithi
likhulu namashumi amabini anesihlanu abantu abashiyeke bengooding’ indawo ngenxa
yalo mlilo.

Othethela le nkonzo uTheo Layne uthi:  “Amagosa azizicima-mlilo abizwe eBonga Drive
ngezithuba zecala emva kwentsimbi yesithathu ngentseni yanamhlanje, nalapho
afike kusitsha amatyotyombe.

Malunga namashumi amabini anesihlanu amatyotyombe
atshabaleleyo kwaye abanikazi bawo abaninzi abakwazanga kusindisa mpahla ngenxa
yomlilo obubhudla.”

Umhlali ongafunanga kudizwa ngagama uthi umlilo uqale
kwityotyombe apho isibini esithandanayo besixabana emini, inenekazi liye
lasongela umfana lathi lizakumbonisa. Ngentseni yanamhlanje kuvakele isithonga
esingathi kuqhushumba irhasi, nalapho  kuye kwatsha namanye amatyotyombe.

Umfana nosana oluneenyanga ezilushumi elinesibhozo
baswelekele kwindawo yexhwayelo logama inenekazi libalekiselwe esibhedlele
eTygerberg.

Nangona kunjalo, othethela amapolisa
kweli phondo leNtshona Koloni uColonel Andre Traut, uthi kuqhutywa uphando
ngesi siganeko kwaye unobangela walo mlilo awukaziwa.