Umnqamlezo wakheth`umAfrika!

KuLwesihlanu weshumi elinesine, kule nyanga kaTshazimpuzi, ndibe nethamsanqa lokumenyelwa kwinkonzo yamazwi asixhenxe kwenye yeenkonzo ezikuloo mathambeka neempindo zaseMgwali, phakathi kweCumakala neTsomo. Ndingena nje, yavuma ikwayala kwahlokoma umzi ngokubanzi isithi, “Usizi nalu lumi lodwa.

INkosi yehla ezulwini. Ukholo lwethu loma phi na? Uthando lwethu loma phi na?” Ndizinqande zisihla kuba kaloku leyo yayiyintonga kamakhulu uMamTshawe, uNotiki intombi yakwaMpande.

Lithe maliqukunjelwe elo culo, xa kanye kuza kungena ngesidimakazi umongameli nomndilili wesigqeba setyalike, besiya kuthabatha iindawo zabo eqongeni eliphezulu, ngaphaya kwetyeya yomnqophiso, cebu kuhle kuloo tafile inelaphu elibomvu elinombhalo ongqindilili othi “UThixo uluthando”, yaphakama yonke irhamente ivuma ngamxhelo-mnye, iculo elalisakuthandwa ngubawo omkhulu ondikhulisileyo, uGxwabule uMbamba, isithi, “Akwaba sendivuma, ukwahlukana nayo inkohlakalo yam. Ndikwale okomhlaba, ndibheke ezulwini. Ndivuselele Thixo, ndiphume ebubini.”

Nakweli ityeli kwachukumiseka intliziyo, sanga sonke kuloo mnquba siyambona uNyana woMntu, ejing`emnqamlezweni, efela isono sam nesakho mlesi.

Imbali ngokweziBhalo ithi emva kwentshutshiso egqithisileyo, kwaba nobunzima kuYesu Krestu ukuba abe namandla okuthwala umnqamlezo enyuke kuloo ntaba yeGolgotha.

Imbali iqhuba ithi ekuboneni oko kunzinyelwa kweNkosi, amaRoma ayalela aze anyanzela uSimon waseKirene (Cyrene) eLibya, ukuba ancede iNkosi ngokuyithwalela loo mnqamlezo wawumalunga neekhilogram ezingama-136 ubunzima. Bambi kwiziBhalo bayaluphikisa olu luvo lokunyanzelwa kukaSimon ekuthwaleni lo mnqamlezo.

Batsho besithi uSimon lo wayengumkhonzi kaThixo, eyindoda eyayithandaza kunjalo nje ikholose ngoxolo, imfesane nangobuntu njengaye nawuphi umAfrika ngelo xesha. Iingcali kwaneengqanga zenkolo yobuKrestu eziliqela zivumelana ngamxhelo-mnye nale ngcamango kangangokuba zide ziveze nolwazi lokuba uSimon lo wayenoonyana ababini, uAlesandile (Alexander) noRufasi (Rufus), abaye balandela yena kwinkolo yakhe kangangokuba baphela bengabefundisi abavakalisa ngobungangamsha beLizwi.

Kwincoko yam nengqondi yexhwangusha kwezenkolo nakwezenkcubeko kula mhlaba waseCumakala, uThangana, uVusumzi into kaHlanganise, phantsi kwezo ntaba zaMathole, kwisithili saseXholorha, uyibeke yacaca into yokuba yayingeyompazamo into yokuthwalwa komnqamlezo kaYesu nguSimon waseKirene.

Utsho ecaphula kumazwi kanyawo-ntle webandla lamaWesile ubawo uNtshanyana owaziwa kakhulu ngamabandla ephondo leNtshona Kapa neleMpuma Kapa ngokuchubeka kwakhe kwezenkolo.

UHlanganise umcaphula ubawo uNtshanyana kuphicotho lwakhe lwembali kaSimon waseKirene ngelithi, “uSimon ekwenzeni kwakhe okuhle wayenganyanzelwanga, kuba isenzo esihle nesisikelelekileyo asihambisani nonyanzelo, koko uSimon wakhethwa ngumnqamlezo!”

Kaloku mawethu sazi sonke ukuba abenzi bokuhle abangeze bathandwe, uYesu wayenguMenzi wokuhle kangangokuba akathandwa, suka watshutshiswa. Ama-Afrika ayephila impilo yoxolo nobuntu, kangangokuba awathandwa ngabangeneleli, acinezelwa kwizwe looyise mkhulu.

I-Afrika yiyo eyonyulwayo phantsi kweGolgotha nguMdali, ngenxa yobuntu bama-Afrika elo xesha, ngenxa yokuthobeka kwama-Afrika elo xesha, ngenxa yokuhlonipha kwama-Afrika elo xesha, nangenxa yokukhonza kwama-Afrika elo xesha uMveli-ngqangi noSonini nanini ngokohlobo lwawo olugxile kubu-Afrika.

Ngenxa yezi zibakala zokusulungeka kwama-Afrika, kwakumele kwaye kwakufanelekile ukuba umnqamlezo weNkosi uYesu Krestu, uchonge uze ukhethe ithole lomgquba, ithole le-Afrika, phakathi kwabo bonke abo babelapho.

Olu chongo lwama-Afrika silubone ngamehlo enyama nalapha kowethu eMzantsi Afrika. Bangaphi kubemi behlabathi abanokuze bancame uyolo lobomi babo ukuze kukhululeke umntu wonke kwintshutshiso yengcinezelo? Kaloku esi senzo ngokwembali sisibone kuYesu Krestu nakuma-Afrika ancama ubomi bawo egameni lokukhulula abantu kwingcinezelo.

Loo ma-Afrika ka ngalawo afana nobawo uMandela, ubawo uThambo, ubawo uSisulu, ubawo uSobukhwe, nabanye abaninzi abalandela ekhondweni likaYesu. Amaqhawe enkululeko ale mihla afana nobawo uSteve Biko, uSolomon Mahlangu nabanye, ngama-Afrika akhethwayo kwamhla mnene ukuze afele ukukhululwa kwama-Afrika kwingcinezelo, ngokufanayo noYesu owafela ukuxolelwa kwezono zabantu emhlabeni.

Ukutolikwa kwesenzo esihle sikaSimon waseKirene, igorha laseLibya kwelikaMuammar Gaddafi, ngokuba wanyanzelwa, kunokwenzeka kube kuhambisana nokungabonwa kwento entle enokuphuma e-Afrika.

Nokuba kunjalo ke, thina ma-Afrika sakuhlala sizingca ngeli gorha laseLibya, kuba lona labonakalisa ubukroti nobuntu bama-Afrika kwabo batshutshisi babengcikiva iNkosi uYesu Krestu!

Afrika wena usikelelekile, buyela kwimpilo yakho yobuntu, impilo yakho yemvisiswano, ungalahli izithethe namasiko akho! Uya kuthi wakwenjenjalo, kuphele iimfazwe, kuphele indlala, kuphele imbalela!

Vuka Afrika! Vuka Azania!