Umnqimbinqa obulele iqabane uvele enkundleni ebukeka okomntu ocing’ eBhakubha

UVELE phambi kwenkundla kamantyi eMonti ngesaquphe ngentsasa yangoMvulo uAlutha Pasile (25) obanjwe ngezityholo zokubulala ze emva koko wanqunqa iqabane lakhe uNosicelo Mtebeni (23).

Esi sehlo senzekele eQuigney emva kokuba mntu uthile ebone isutikheyisi kwikona yesitalato iFitzpatrick neFleet. Amalungu omzimba kaMtebeni abonwe ngoLwesine. Kukholeleka ukuba ebebulewe ngobusuku bangoLwesibini.

Alutha Pasile UMFANEKISO: ABONGILE GINYA

Ngenjikalanga yangeCawe usapho lukaMtebeni, olusuka eKhaoue eMatatiele, lutyelele indawo yexhwayelo lukhatshwe ngumasipala waseMatatiele.

UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ngentsasa yangoMvulo abafundi baseFort Hare, apho ebesenza khona izifundo zomthetho uMtebeni, bekunye namatshantliziyo amalungelo oluntu bavale isitalato iFleet bebambe umngcelele ngelibonakalisa ukufuna ubulungisa egameni likaMtebeni.

Abafundi baseFort Hare namatshantliziyo amalungelo oluntu bebambe umngcelele UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Ngethuba evela phambi kwenkundla uPasile ubuziwe ukuba uyalifuna na igqwetha kwakunye nebheyile. Unikine intloko ngokophawu luka “hayi”.

Ityala likaPasile, waseMdantsane, lakubuyela enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kweyoMsintsi.

Ingxelo eyongezelelweyo: Abongile Ginya