Umntwana oyi-EFF useka umxholo

Andiyazi nokuba ngamehlo am na, kodwa isuke yangathi iEFF yiyo enesikhokelo mvanje kwezopolitiko.

Uyabona ukuba ungumntu oneliso elizicikidayo izinto nomjoji wemeko ukuba ipolitiki seyaba ngumdlalo weendolotyi, apho kushiywana ngamendu okucinga kunye namanani abalandeli bakho.

Ungothuki kakhulu xa ndisithi olu sana luzalwe izolo luyiEFF lulo olunesikhokelo mvanje, ngokuba ithande ukujongeka ngolo hlobo kule ndawo ndihleli kuyo.

Olu sana lubomvu luza kugqiba unyaka wesihlanu likhona ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kwinyanga yeKhala, noxa lingumntwana nje kodwa izingqi zalo ziyavakala.

Eli qela belinonyaka kuphela ekuzigqatseni kwalo kunyulo lukazwelonke ngo2014 kwaye laphuma liliqela lesithathu ngobukhulu ngokwezihlalo zakwizintlu zozibini zeNdlu yoWisomthetho, iNational Assembly kwakunye neNational Council of Provinces.

Ndiyafuna ukuthi eli yayiluphawu lokuqala ukuba abazelanga kudlala amabhastile aba bantu balo mbutho ubomvu krwe.

Mandikhawuleze ndishwankathele kungekacingwa ukuba ndiyimbongi yalo mqokozo ubomvu. Bathe bakufika kwiziNdlu zoWisomthetho kwela Kapa lodumo kwabonakala ukuba lukhona usana olutsha, wena sekhe wayibona indlu yomdlezana osaqalayo iba nguqulukubhode namahintsihintsi.

Ibililo lodwa eli qela elingazange lithengise ngenyaniso yalo yokungafuni utata uJacob Zuma yade yangumzuzu wokugqibela.

Yima ndikucacisele, kaloku uNxamalala ebengafuni ukuhla esihlalweni sokongamela isizwe ngoku sele iqela lakhe lezopolitiko limnike incwadi lisithi liyamrhoxisa njengomthunywa walo.

Kanye ngelo xesha ibeliqela le-EFF elifake isicelo sevoti yokungamthembi uJacob Zuma njengomongameli kuSomlomo weNdlu yoWisomthetho, umama uBaleka Mbete.

Umbutho iANC uye wakhwela kule nqwelo ibhexeshwa yiEFF ngokuthi baza kuvota kunye nayo bevakalisa ukungamthembi uZuma, nto leyo ibingazukumnika ndawo yokubambelela utata kaDuduzane, bekuza kunyanzeleka asishiye isihlalo ethanda engathandi.

Uye waqonda uMsholozi ayikho enye indlela enesidima aza kuphuma ngayo ingeyiyo le ebeyinikwa yokuba aziyekele ngokwakhe.

Uyijongile ke ngoku ukuba iye yaba yiEFF eze nesikhokelo kumcimbi owoyise uKhongolose wonke?

Eli qela liziveze njengala nto kwezeNzululwazi kuthiwa yiCatalyst, into eyenza iziphumo zivele ngokukhawuleza. Enye into ebikhe yafuna ukundibhida yile nyewe yomhlaba, nengumba onobuzaza xa ucaciswa ngabanolwazi bezinto.

Andiyazi nokuba ndim umbhoxi na, kodwa ngokolwazi lwam umgomo wokubuyiselwa komhlaba kubaniniwo ibiyenye yeentsika zeANC.

Ndothuka ndaphantse ukuzitshisa ngesidudu mhla ndabona kwiNdlu yoWisomthetho iqela leANC lisichasa esi siphakamiso esasiphakanyiswe yiEFF ukuba kuvotwe ngaso.

Ndalala ngalo mini ndisithi inoba iANC ihluthi kakhulu ayisasiboni isidingo sokuba singumzi ontsundu sibuyiselwe umhlaba nesidima sethu.

Ndiwathandile kodwa ke la matshantliziyo ala mbutho woonobomvana ngokungapheli mandla, aphinda asifaka isicelo sokuba umhlaba mawubuyiselwe kubanini kungakhange kube kubhatalwe nesenti emdaka ngawo.

Tyhini! nako ke ngoku sibona iANC ivota ngokukhokelwa yiEFF. Inene sazalisekiswa isiprofeto esiku-Isaya 11 ivesi 7, ‘…nomntwana aziqhube ezo zinto.’

Nangoku sibona lo mntwana uyiEFF eyiqhuba inqwelo yenguqu, esiza nesikhokelo. Andiyiyo tu imbongi yeli qela ngokuba nabo banazo izigemegeme zabo.

NesiXhosa siyangqina, ‘Akukho nzwana ingenasiphako.’ Mna ndithi qingqa mntwana, isizwe sijongile.