Umntwana unxila njani enomzali?

Wonke umntu ngeli xesha lonyaka udiniwe ulangazelela ukuphumla. Amaziko amaninzi ayavala, abathile bafumane ukuvuzwa ngebhaso-mali ekuthiwa yibhonasi ngamakhumsha.

Abazali nabo sebebudinwarha ekunqandeni inzala yabo ukuba mayinciphe kwiziyolo ijonge iincwadi, kuba kaloku ngoku ugqatso lwezifundo lufeziwe kulo nyaka.

Kuba wonke umntu enganakanga, ibalixesha likavula zibhuqe, apho uluntu lonke lwenza unothanda.

Eyona nto endenza ndinyukuzelwe ngumzimba yile yeentsana ezivulwa ukuba zizintywilisele kubhelu lomsele ngeli xesha likaxakeka.

Uyakuthi unqanda uzibone sele uxwaxwa kwangomnye umzali esithi khawuyeke abantwana bazonwabele, isuke ibengathi nguwe lo ugwenxa kunesi senzo.

Zininzi ke izici neminyhadala ngeli xesha lonyaka kwaye nabantwana siyafuna bazonwabise kodwa hayi ngotywala.

Iminyaka evumelekileyo ukuba umntu angarhabula kwiinyembezi zikaVitoli, ngokomthetho walapha eMzantsi Afrika, yiminyaka elishumi elinesibhozo.

Ithi ke lo nto ukuba umntwana wakho mncinane kunoko akavumelekanga ukuba angasela, kungavumelekanga nokuba abuthengiselwe utywala.

Abantu abasenzisa umsebenzi wamageza ke ngabathengisi botywala bona baxabise imali kunokuthobela umthetho.

Bekumele ukuba xa bengayiqondi iminyaka yomntu ngokujonga isithomo sakhe bacele aveze isazisi okanye angathengiselwa kwaphela.

Umthengisi-tywala obhaqwe ethengisela umntu ongaphantsi kweminyaka elishumi elinesibhozo uyazixuthwa iimpepha-mvume zokuthengisa utywala yibhodi elawula intengiso yezotywala, iLiquor Board, livalwe elo shishini lakhe.

Ukuba uthe wawubona lo mkhuba usenziwa ungatsalela umnxeba kwi-Eastern Cape Liquor Board ku 043 700 0900.

Masingajongi koonothaveni kuphela ngokuba ayingabo abanika abantwana benu imali yokuthenga utywala, nguwe wena mzali oburhumelayo obu butyadidi.

Andithi umntwana wakho umthengele iimpahla? Masithi mhlawumbi namatikiti aloo mnyhadala azakuya kuwo, kunye nemali yokukhwela neyokutya akunjalo?

Xa ke ngoku usongeza kule mali umnike isityhwentywe ucinga uza kusenza ntoni? Ucinga uza kuthenga izibiliboco noonomnandi ngayo yonke? Unotshe.

Le genge incinci ngamachule apha ekudibaniseni imali ukuze bafumane into yokushusha eva bona.

Mna eyam ingcebiso ithi, umntwana wakho sukumfekethisa ngapha komlinganiselo, mnike nje imali eyanele ezi zinto uzaziyo nawe ukuba uzakuzidinga xa ephumile.

Xa umnike imali encinane kuza kunyanzeleka nokuba ebesecebe ukunxila, aziyeke ezo ngcingane axoze mphini wumbi.

Ubhelu lomsele eli ke lisebenza njengetyhefu emzimbeni, kodwa alibi nabuzaza bungako emzimbeni womntu omdala osela ngokuqiqayo nangentlonelo.

Umzimba womntwana osakhulayo awukaxhobi ncam ukuba umelane nokutyhefwa ngolu hlobo.

Umntwana uyakucinga uselela ukuzonwabisa kanti ugoga umzimba wakhe kancinci kancinci, aze athi ebudaleni azibone senezigulwana ezisileyo kuba kaloku umntu uziqobe ngotywala esekrancu-krancu.

Masingavumeli abantwana baqwenge ikamva labo sijongile noko.

Enye into, yiyo kanye le ibambisa amazantsi, kukuba le genge incinane ayikwazi ukuziphatha ngendlela eyiyo yokushusha. Aba bantwana banxila baxake, ufike umntu edwanguzela, eyaluzela, esenza izinto ezingenakubizwa ngamagama.

Ezi mveku zinxila zihambe zilala ezitratweni, zinxila zidlwengulane, zibulalane, zirobhane, zibelane, umninzi nje undonakele owehlayo xa bezithe mayeza.

Likamva lesizwe sethu eli, ngabantwana bethu aba, luxanduva lwethu ukubakhusela ingakumbi kwiziqu zabo.

Yiba nohayi mzali emntwaneni wakho!