Umnyobo weBenz (AMG C 63) uveliswe eMonti

Abasebenzi bakwaMercedes Benz eMonti babhiyozela ukwenza umnyobo we-AMG C 63 UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Abasebenzi bomzi-mveliso wakwaMercedes Benz eMonti bayabhiyoza emva kokwenza imbali yokuvelisa umnyobo womnyubelele weMercedes – AMG C 63 efakelwe umfutho we-V8.  

Lo mnyob’ onomkhitha, usungulwe ngokusesikweni kwaMercedes Benz eMonti ngoLwesithathu.

Kwisibhengezo sanyakenye, abakwaMercedes Benz bavakalisa ukuba iimoto zabo zohlobo lwe-AMG zizakwenziwa aph’ ekhaya ze zithunyelwe kumanye amazwe. Oku kuza emva kokuba le nkampani ityale amakhulu amabini eerandi (R200 million) ukuphumeza lo msebenzi.

“Ukwenziwa kweMercedes-Benz AMG C 63 apha eMonti, kubethelela phezu komnyobo wethu we-C Class, futhi sisiqinisekiso sokuba lo mzi-mveliso (eMonti) yintsika yonaniselwano lakwaDaimler kwihlabathi jikelele.

“Siyavuya ukubona le C 63 yenziwe apha kwaye izakuthunyelwa kumazwe ehlabathi. Oku kubonisa ukusebenza nzima nokuzinikela kwabasebenzi bale ndawo,” utshilo u-Andreas Engling oyingqonyela yakwaMercedes Benz South Africa.