‘UMthembu ebengacengi ndolala xa kuthethwa ngobuqhophololo’

UMONGAMELI Cyril Ramaphosa uchaze uMphathiswa kwiOfisi kaMongameli, uJackson Mthembu, njengomntu obethobekile ekhonze isizwe futhi ethanda nokuhleka, kodwa obengahleki nokuba ayihlekisi kwimiba yobuqhophololo.

“Xa kuthethwa ngobuqhophololo, kwiinkokheli ezijonge iziqu zazo kwanokusebenzisa gwenxa amandla, ubuvele ubone elinye icala lakhe (uMthembu). Akazange akhohliswe ziingcuka ezambethe ufele lwegusha kwanezithembiso ezingafezekiswayo zabo bafuna ukutyebisa iziqu zabo endaweni yabahlelelekileyo nababuthathaka,” utshilo uRamaphosa.

URamaphosa ebethetha kumngcwabo kaMthembu eMalahleni eMpumalanga ngeCawe. UMthembu ubhubhe ngoLwesine ngenxa yeCovid-19. Ebeneminyaka engama-62.

URamaphosa uthi uMthembu ebethetha ngokuphandle ngemiba yobuqhophololo, nokuba banobunganga kangakanani na abo babenzayo.

Ebhekisa kusapho lukaMthembu, uRamaphosa ubongoze olu sapho ukuba lumyeke aphumle uMvelase, esithi ebebakhonzile abantu boMzantsi Afrika.

“Sisi wam, Thembi (Mthembu) [inkosikazi kaMthembu], ndikunqwenelela ukuba wena nabantwana nifumane ukuphumla ezintliziyweni zenu kweli xesha linzima,” utshilo uRamaphosa.

Umntwana kaMthembu, uThuli Mthembu, uthi iimfundiso abazifunde kuyise asokuze bazilahle.

“Tata wenze okuninzi ebomini bakho, kwimingxili eyohlukeneyo, kodwa besihlala siziva njengabona bantu bazintsika kuwe. Akekho umntu okwaziyo, obengayazi ngesikuzuzileyo. Leyo yindlela ubuzingca ngayo ngokuba ngutata wethu.

“Usifundise ukuba ukusebenza nzima nokundiliseka zizinto ezihamba ngaxeshanye, ngokufanayo nomthandazo kwanenzondelelo,” utshilo uThuli.

Unkosikazi kaThembu, uThembi Mthembu, umchaze umyeni wakhe njengomntu obenothando nenkathalo.