UMtsi kwiinzame zokuphelisa ugwayimbo

Usodolophu womasipala ombaxa iBuffalo City uAlfred Mtsi uthi unethemba lokuba iinzame zabo zokulwa nengxaki yoqhankqalazo oluqhutywa ngabasebenzi izakuzala amaduna namathokazi.

“Kukho ungenelelo le- nkampani yabucala eyenza uthethwano phakathi kwethu kunye nabasebenzi ngee- njongo zokuba kufunyanwe isisombululo kule ngxaki,” uthethe watsho uMtsi.

Iidolophu eziphambili kulo masipala eziquka iMonti kunye neQonce zivutha umlilo, abasebenzi befuna uchatha kwimivuzo yabo. Izitalato eziphambili kwezi dolophu eziquka iOxford zizele inkunkuma.

I’solezwe lesiXhosa lithethe noosomashishini bedolophu yaseMonti ngelizama ukukhangela umonakalo owenziwe lolu qhankqalazo.

Oyimanejala yenkampani yakwaBrands Exclusive uPercy Shaw uthi bayalahlekelwa ngenxa yolu qhankqalazo olusele luthathe iiveki ezimbini liqhubeka.

“Sineevenkile ezisixhenxe apha eMonti ezine kuzo zilapha kanye kumbindi wedolophu, abantu bayoyika ukuthenga kuba kungatsha nezo mpahla bazithengayo,” uthethe watsho uShaw.

Lo kaShaw uthi unyanzeleke ukuba aqeshe abasebenzi bethutyana ukuba bacoce isitalato esiphambi kweshishini lakhe. “Esi sitalato iOxford kunye neStevenson sizithathele kuthi ingakumbi apha phambi kweevenkile zethu siyazicoca kusasa nasemva kwemini kuba sifuna kungene abathengi bathenge iimpahla esizithengisayo,” utsho uShaw.

Nangona engakwazanga ukuqinikelela ilahleko eyenzeka ngenxa yolu qhankqalazo uShaw uthi ilahleko yemali iphezulu.

“Iintengiso zethu zihlile, iimpahla zihleli evenkileni abantu abathengi, lo nto ithetha ukuba akukho mali ingenayo kwezi veki zimbini, ngoko ke sisengxakini ngenxa yolu qhankqalazo,” uthethe watsho uShaw.

Abasebenzi bathi ooceba benyuselwe nge7% ekuqaleni kwalo nyaka, lo gama bona bengawufumananga loo chatha.