UMvenya uphekelwe igumgedle kwiDA

Iinkokeli zeDA uVeliswa Mvenya kunye no-Athol Trollip kwinkongolo yeDA ebiseMonti UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UVeliswa Mvenya, ophulukene nogqatso lokukhokela umbutho weDA eMpuma Koloni emva kokoyiswa nguNqaba Bhanga, ukholelwa ukuba uye waphekelwa igumgedle phambi kwenkongolo yephondo yalo mbutho ebibanjelwe eMonti.

Kule nkongolo, uBhanga uphumelele kwisihlalo sokuba yinkokeli yeDA ephondweni ngeevoti ezilikhulu elinamashumi asibhozo anesithandathu (186) logama uMvenya efumene iivoti ezilikhulu elinamashumi amathandathu ananye (161).

Ibizizijwili kubaxhasi bakaMvenya, kodwa ukwazile ukubathuthuzela esithi mabaxole baqhubeke nokusebenzela iDA.

Ngaphandle nje kokungaphumeleli, eyona nto yenza uMvenya abenentliziyo ebuhlungu ngamayelenqe athi uwaphekelwe zezinye iinkokeli ezichasene naye kulo mbutho.

“Bekukho i-imeyili ebijikeleza kwiiyure nje phambi kokuba kuqale inkomfa, indixhela ngaphakathi ithobela phantsi isidima sam. Ndiye andayihoya.

“Kukhe kwazanywa nokuvuswa amatyala ngakum kusithiwa ndimoshile. Zonke ezi zinto zenzeka kwiintsukwana nje phambi kwenkongolo.

“Ndibone nezenyeliso zisenziwa kum kuFacebook ngamalungu eDA athunyiweyo. Bekuqokelelwe abafundi ukuba bandithuke, ndibe ndinamava angaka kwiDA,” utsho uMvenya.

Ebuzwa liphephandaba I’solezwe ukuba yintoni le ibangele ukuba kuphekwe la magumgedle ngakuye uthe: “Kungokuba ndiyinkosikazi ezimeleyo, ezicingelayo. Imbali indibonisile ke ukuba xa uyinkosikazi enjalo awusoze uhambele kwandawo kwipolitiki kuba amadoda xa ebona umfazi abona umntu obuthathaka okanye osisiyatha.”

“KwiDA ndiphetheke njalo, ngenxa yokuba ndingumntu okwaziyo ukuzicingela. Isono sam kwiDA, kukwazi ukuzicingela futhi ndithethe phandle xa into ingahambi kakuhle,” utshilo uMvenya.

Ngaphambili zikhona iintanda ezikhe zavela phakathi kukaMvenya noAthol Trollip, osandula ukuphuma kwisihlalo sokukhokela iDA kweli phondo. Ezi ntanda zivela nangona nje uMvenya noTrollip bebefudula besebenzisana kakuhle ukukhulisa iDA kwindawo ezisemaphandleni.

Kudliwano-ndlebe nephephandaba I’solezwe uTrollip ukubethe ngoyaba oku, watsho echaza uMvenya njengomntwana wakhe. UTrollip oku ukuthetha nangona nje ebexhasa uBhanga, ukuba ibenguye othabatha iintambo.

Kodwa naye uMvenya uzamile ukukuquma okungaboni ngasonye esithi: “Ningayingeni into yabantu ababini, ingakumbi ukuyingena ngeenyawo ezinodaka. Ndisebenze kakuhle kakhulu nobhuti [Trollip].”

“Myeke umntwana [ephendula kuTrollip] wakho akhule, ungathi xa ebonisa iimpawu zokukhula ucinge ukuba livukela-mbuso,” utshilo uMvenya.

Kwankqu noBhanga umchaze uMvenya “njengenkwenkwezi” yeDA, esithi ngomnye wabantu ababangela ukuba azibandakanye nalo mbutho. UBhanga uqinisekise oonondaba ukuba uMvenya usenegalelo ekufanele ukuba alenze kulo mbutho, ngoko ke akazukwaywa.

Abanye abaphumelele kule nkongolo nguBobby Stevenson noTerence Fritz abonyulwe njengamasekala kaBhanga, uAndrew Whitfield njengosihlalo logama uYusuf Cassim, Kobus Botha noMarshall Von Buchenroder bonyulwe njengoosekela-sihlalo.

UFritz noBotha bebekwiqela elixhasa uMvenya.

Ethetha emva kokubhengezwa kweziphumo, uBotha uthe: “Ndikhathazekile engaphumelelanga uVeliswa, ungumntu osebenza nzima kakhulu kulo mbutho. Kodwa ndiyasihlonipha isigqibo sabathunywa benkongolo.”