Umzali womntwana obevalelwe eNyanga Junction, uyaphefumla

Umfanekiso kaMncedisi Ngeme nobenomntwana obevalelwe ngoonqevu kudederhu lweevenkile eNyanga Junction, eKapa

UMncedisi Ngeme nongomnye wabazali obenomntwana obevalelwe ngoonqevu kudederhu lweevenkile eNyanga Junction eNtshona Koloni, uvakalise ukuba oko ethandaza imini yonke ecela umdali ukuba asindise unyana wakhe kunye nabo ebevalelwe nabo.

Lo kaNgeme uthe ngezithuba zasemva kwentsimbi yesithandathu kusasa, weva kusithiwa abasebenzi bevenkile yakwaShoprite bavalelwe ngaphakathi ngoonqevu ekutyholwa ngokuba bebeyokuphanga imoto esa imali kule venkile.

Uqhube wathi, “Emva kokuba ndive ezi ndaba khange iphinde isebenze kakuhle ingqondo yam kuba ndiphaphatheke ndazokufika apha ngaphambi nje kokubetha kwentsimbi yesixhenxe kusasa.”

Ekwavakalisa ukuba ebecinga sokuze aphinde ambone unyana wakhe nanjengoko kwiziganeko ezikumila kunje abantu baye bonzakale bambi basweleke. “Ingqondo yam ibithatha ibeka kwaye bekungangeni nditsho amanzi, kwaye oko ndithandaza umthandazo ongena amen,” utsho uNgeme.

Ngethuba ethetha nephephandaba I’solezwe, ibisemva kwentsimbi yesibhozo ebusuku kwaye ebelinde unyana wakhe okwazileyo ukukhutshwa ngamapolisa kunye nabo ebevalelwe nabo.

Kwaye uthe akubona unyana wakhe zehla iinyembezi. Lo kaNgeme ukwathe ngethuba emane esiva izithonga zokudutyulwa ngaphakathi kule venkile ubezibuza imibuzo yokuba kazi akudutyulwa unyana wakhe na.

Uqhube wathi, “Ndihleli imini yonke apha, kwaye ndibulela bonke abantu abathe bathatha inxaxheba ukuqinisekisa ukuba abantwana bethu baphuma bephilile, ndibulela nangokuncama ubomi babo bezama ukusindisa abo bantwana bethu kuba ke asiyazi into ebicingwa ngoonqevu ngabo.”

Unyana kaNgeme, nobebonakala othukile, uthe ngethuba evalelwe ngoonqevu ebecinga ukuba sokuze aphinde alubone usapho lwakhe.

Ebalisa ngokwenzekileyo uthe, ufike emsebenzini ngentsimbi yesithandathu kusasa nanjengoko ilixesha angena ngalo elo, nalapho bathe xa begqiba nje ukungena bagaleleka oonqevu, emva koko batshixa ucango bakugqiba bathatha zonke ifowuni zabo.

“Baye bathatha iifowuni zethu, emva koko basixelela ukuba inye into abayifunayo yimali yaseShoprite, ngako oko makungabikho mntu ozakufuna ukuzenza iqhawe ngemali engeyoyakhe kuba uzakufa,” utsho unyana kaNgeme.

Watsho esithi baye bavalelwa kwigumbi elinye logama oonqevu bebekwelinye icala, kwaye akabazi ukuba bebebangaphi na. “Sonke besisoyika ingakumbi xa sisiva bedubula kuba kaloku besingayazi nokuba abezi kuthi na.”

Bonke abo bebevalelwe ngoonqevu bayifumene intuthuzelo ngokwasemphefumlweni, nalapho unyana kaNgeme athe kuthiwe bazakuqhubeka nayo kuba libe lincinane ixesha abayifumene ngayo kwalapho kwindawo yesiganeko.