Umzimba kaSihle ufunyenwe kunxweme lwaseBhayi

Umzimba kaSihle Dlamini, ongomnye kubalobi ababhuquke nesikhephe sokuloba e-St Francis Bay ngeCawe, ufunyenwe kunxweme lwaseSea View eBhayi ngenjingakalanga yangoLwesine.
 
Isithethi samapolisa uSajini Majola Nkohli uthi umzimba kaDlamini (39) ubonwe ngumntu obezihambela ecaleni kolu lwandle. “Lo mzimba ubutyekezwe lulwandle kwaye emva kokuba siwufanisile, sifumanise ukuba ngokaSihle Dlamini omnye wabalobi ababhukuqe nesikhephe e-St Francis Bay,” utshilo uNkohli.
 
Bebonke abalobi abebekwesisikhephe bebelishumi elinesithandathu. Omnye kwaba balobi, ufunyenwe ngoLwesithathu kunxweme iBlue Horizon eBhayi logama omnye ebefunyenwe kwangeCawe kunxweme oluse-St Francis Bay.  
 
UCraig Lambinon osisithethi seNational Sea Rescue Institute (NSRI) uthi abalobi abasixhenxe bathe basinda emva kwale ntlekele, ze abathandathu kubo basiwa esibhedlele.
 
Ngokwengxelo yamapolisa kwakunye neNSRI, ukukhangelwa kwabanye abalobi kusaqhuba.