Umzobi waseQonce utsalwa ngabo benza okuhle

Umzobi waseQonce uSiyabonga Gijana umfanekiso: bheki radebe

ABANTU abenza imisebenzi emihle yobugorha, ngabo abakhuthaza umzobi waseLitha, eQonce, uSiyabonga Gijana ukuba athabathe usiba lwakhe azobe.

UGijana, 23, wenze izifundo zeFine Arts kwiYunivesithi iWalter Sisulu.

Utyelele iiofisi zephephandaba I’solezwe eMonti ephethe imizobo emihle, nekukho kuyo umzobo kaWinnie Madikizela-Mandela, uAlbertina Sisulu noLilian Ngoyi. Ngolu hlobo, uGijana unika imbeko kwezi zikhukukazi zadel’ ukufa ngelizama ukutshintsha ubomi bomntu ontsundu, ekwenza oku ngenyanga yokubhiyozela amanina.

Ubalisele I’solezwe ukuba nangona ekhule ezoba, zange acinge ngokuphila ngesakhono sokuzoba.

“Ndaya eWSU emva kokuncama kwezinye izikolo. Ndafika kushiyeke iFine Arts kuphela, ndaye ndancamela kuyo,” kubalisa uGijana.

Uthi ubukhulu becala uzoba abantu. “Njengokuba ubona ndizobe ooMam’ uWinnie Mandela, nditsalwe kukuzabalaza kwabo, bencama iintsapho zabo, besenzela abanye abantu.”

UGijana, ofikelele kwinqanaba leBtech kwizifundo zeFine Arts, ucacise isizathu sokusebenzisa ipensile xa ezoba.

“Izixhobo zokuzoba ziduru, ngoku ndikhuthaza nabo bangenako ukuzithenga ukuba basebenzise ipensile xa bezoba.”

Lo mzobi uthi wafumana inkuthazo kuMnu. Makalima owayengutitshala wakhe eWSU, kuquka noSonwabiso Ngcai okwangumzobi.

“Bandikhuthaza kwaye bandifundisa banzi ngekhono lokuzoba,” utshilo.

UGijana uthi unqwenela ukubanestudiyo sokwenzela imisebenzi yakhe kuba okwangoku usebenzisa igumbi likamama wakhe.

“Andinazixhobo ezizizo zokwenza umsebenzi wam. Ingase ndinganezinto zokuwenza lo msebenzi ngokuba ndifuna ukuphila ngawo,” utshilo.

Uthi ikwangumamakhe oye ancome okanye agxeke xa egqwidiza kwimizobo.

Ucebisa ngelithi abantu abanesakhono mabazidibanise nabanye abantu ukuze baziphuhlise.

Ungadibana noSiya kwiFacebook: siyabonga gijana art okanye umbhalele kwi-email engu: gijanasiyabonga790@gmail.com