UNathi utsholoza kwiqonga laseMonti ngomso

Nathi

OMATHATHU amacwecwe kaNathi Mankayi aza kube esitsho njalo eGuild Theatre ngomso (uLwesihlanu).

UMankayi, owaduma kakhulu ngengoma yakhe ethi Nomvula, uxelele I’solezwe ukuba uza konwabisa abahlali baseMonti neziphaluka ngomso ngeengoma zonke aziwa ngazo.

“Ndiza kuma ixesha elide ndicula eqongeni. Zonke iingoma ezikumacwecwe am ndiza kuzicula,” kutsho uMankayi.

Ngobu busuku, uMankayi uza kube ephelekwe ngusisi wakhe uAmanda, naye osele engene waphelela kweli khondo likabhuti wakhe.

Icwecwe likaNathi elitsha, Iphupha Labantu, lineengoma ezilishumi ezibalisa ngothando, uThixo kwanobom.

“Ndikhetha ukubalisa ngothando ngokuba wonke umntu uyalwazi, nokuba ubani uyasokola, uhlala endaweni enjani, uthando uyalwazi. Akufani nokucula ngemali kuba ayinguye nabani onayo,” kutsho uMankayi.

UMankayi uthi kweli tyeli akafuni kuvakala njengohlobo awayelilo kuNomvula kuba ukhulile.

“Xa umamele icwecwe lesibini nelesithathu uyakuva ukuba ndikhulile. Andifuni ukuba uve uNomvula.”

Uthi umculo kuye ulubizo, akukho suku lugqitha engakhange acule.

“Akukho suku lugqitha ndingakhange ndicule, kwaye nokuba bendingabhatalwa bendakucula,” kubalisa uMankayi.

Phambi kokuba adume, uMankayi wayephila ngokwenza, aze athengise imizobo kwidolophu yakokwabo iMaclear.

Umphandle wecwecwe lakhe lokuqala wawuzoba ngokwakhe. Nakweli litsha icwecwe uthi umsebenzi wakhe ukhona ngaphakathi kulo.

Ngoku uMankayi ungumyeni notata, kwaye uthi oku kumnika isizathu sokuvuka ayokusebenza ngokuzimisela.

Amatikiti afumaneka eComputicket ngeR300 (VIP) nange R200.

KUSENJALO: Ingaba uNathi uyibethile ngokwenene iManejala yakhe?

Le mvumi ityholwa ngokunkunkutha imanejala yayo uChina Mpololo de kwanyanzeleka angene esibhedlele.

Abasihlebeleyo bathi uMankayi ungombe uMpololo de wamoxuthela nesithuthi sakhe.

Ephendula I’solezwe ngezi zityholo, uMankayi uthi uMpololo “unezinto angazenzi kakuhle nekunyanzeleke baphele befaka ityala emapoliseni.”

UMankayi ukwatyhole uMpololo “ngokunyoluka” nokutya imali yakhe.

“Wacela ukusebenza nam ndingamazi nokumazi, kodwa ebantwini uyayijika uthi ndamcela.

“Savuma ukuba angenza iibookings, ibe lapho ingxaki.

“Imali ibingena kuye, angabonisi bungqina beempepha ( receipts ) kuthi. Abize isixa esithile semali kuloo ndawo ndibizwe kuyo, ayinciphise kuthi imali ayibizileyo, ayithabathe enye yaloo mali kanti useza kufuna isiqingatha sakhe semali nakuthi,” kubalisa uMankayi.

Simbuza ukuba umbethile ngokwenene na uMpololo.

“Kaloku ukuba bendimbethile ngendibhadla ejele ngoku,” utshilo.

Ukanti uMpololo ukhanyele ukuba kukho ukungaboni ngasonye phakathi kwakhe noMankayi. “Hayi, ayikho into enjalo. Yima ndisesentlanganisweni ze unditsalele umnxeba emva kweyure,” uphendule watsho uMpololo ngethuba simtsalela umnxeba.

Sibuyele amatyeli aliqela kuye kodwa nkqi ukuwuphendula umnxeba wakhe, kwaye akaphendula neembalelwano ebesimthumelela zona.

Asazi, kodwa siziindlebe zenu!