Uncedo kusapho olutshiselwe indlu yalo

Lunikele ngempahla kusapho lakwaMdoda iqela lepolitiki eliphikisayo iDemocratic Alliance emva kokuba lo mzi wehlelwe lishwangusha lokutshelwa yindlu yalo.

UVuyokazi Mdoda oneminyaka engamashumi amane anesithathu (43) ubudala nongumhlali wasePosini ePort Alfred uveze ukuba kwinyanga ephelileyo batshiselwe indlu ebebehlala kuyo nosapho lwakhe, nto leyo eyabashiya nezinto ababezinxibile kuphela.

Lo kaMdoda uveze ukuba usola lowo wayesakuba lisoka lakhe kuba nguye ekudala emfungele.

Ngethuba kusitsha okokuqala, olu sapho lakwazi ukuwucima usaqala umlilo, kodwa kwityeli lesibini bafika sele yonke into itshe yaluthuthu.

“Emva kokutshiswa okokuqala sabona ukuba masingalali apha, yilo nto kwityeli lesibini kwatsha yonke into,” kutsho uMdoda.

UNdileka Nobebe weDA uthi ubone ukuba makafake isandla ekuncedeni olu sapho. Lo kaNobebe uthe ngumsebenzi wabo beleli qela ukunceda uluntu ingakumbi olo ludinga uncedo.

“IDemocratic Alliance ngumbutho obakhathalelayo abantu kwaye sisoloko sibabeka phambili,” utshilo uNobebe.

Eli qela likwakhuphe iyunifomu ukunceda abantwana bakwaMdoda, abakwibakala lokuya esikolweni.