Uncedo kwintwazana edlwengulwe amatyeli ngamatyeli eNgcobo

Intwazana yelali iTsazo kwidolophu yaseNgcobo ethe yazifumana ilixhoba lokudlwengulwa isithuba seeveki ezintlanu izakusiwa kwindawo ekhuselekileyo.

Le ntwazana eneminyaka engamashumi amabini ananye ichazwa njengomntu obuthathaka ngokwasengqondweni yaye kuyithathe ixesha elide into yokuba ibikele abantu ngolu xhatshazo.

Ihambisa ithi, le ntlalo imbi yaqala kwiPasika yalo nyaka apho umhlobo kamalume wakhe ebemlalisa kakubi mihla le, yaye ebeye aqhubeke nasemini xa engekho umakhulu wakhe azenzele kuye kulo mhlaba ungezantsi. Umrhanelwa useluvalelelweni, isicelo sakhe sebheyile sakhatywa yinkundla kwinyanga ephelileyo.

Iziko elinceda amaxhoba okuxhatshazwa iWhite Central Door Of Hope kule dolophu lingenelele kule meko yale ntwazana. Eli ziko libonelela ngendawo yokufihla intloko ebusuku kumaxhoba okubethwa kunye nodlwengulo ngelixa kusenziwa iinzame zokufumana indawo esisigxina nekhuselekileyo kwixhoba elo.

Unontlalontle weli ziko uAsiphe Rono uthi lilishwa into yokuba le meko khange iqapheleke kusekutsha, kwa ukuba ixhoba eli lineminyaka engaka kodwa lifunda kwisikolo samabanga aphantsi sabantwana bonke ayifanelekanga.

Uthi kufanele asiwe kwisikolo esilungiselelwe abantwana ababuthathaka apho azakuhoywa ngokweemfuno zakhe.

Kungoku nje oonontlalontle bathi bakuthethwano nendawo engazikuchazwa ukukhusela ixhoba, le ndawo izakumfundisa nemisebenzi yezandla, yaye anikwe ululeko ngokwengqondo.

Unontlalo uthi imeko yeli xhoba ithanda ukuba mbi, uphakuphaku ngolona hlobo woyika nokubiza igama lalowo utyholwa ngokumdlwengula.

Umrhanelwa uzakuvela enkundleni ngomhla wesihlanu kwinyanga ezayo.