Uncumo ebusweni kwintwazana enesifo sentliziyo

UNyameka ekunye nentombi yakhe * -Iminathi nentaphane yeetoyz zakwa Toys R Us

Butshintshile ubom obe bunzima bentwazana eneminyaka emithandathu uIminathi Ngcokhwe, emva kokuba umbutho iReach For A Dream Foundation kwakunye nenkampani ethengisa izixhobo zokudlala abantwana uToys R Us eHemingways eMonti, ithe yenza ubomi bentwazana bajika ngesaquphe ngokuthi imphe intaphane yeethoyi ekudala izinqwenela ebomini bayo.

Le ntwazana owona mcelimngeni ikhule ijongene nawo kule minyaka mihlanu izelwe yingxaki yesifo sentliziyo.

UNyameka ongumama kaIminathi uthi uziva echulumancile kwaye ekonwabele ukutatanyiswa komntwana wakhe ngento ekudala eyinqwenela. Uthi uvuyile nokubona umntwana wakhe onwabile.

ULwanele Mpethe weReach For A Dream Foundation uthi kuyabavuyisa ukuba bekwazile ukufezekisa iphupha lika-Iminathi.

UNicole Annells okwezentengiso kwaToys R Us uthi bayavuya ukuba bethe babeka uncumo ebusweni bomntwana.