Undabamlonyeni wePotsoyi

Kapa:

Kuqhutywa uphando malunga nesiganeko sokudutyulwa kubulawe umntu kumnyhadala owaziwa ukuba yiPotsoyi ububanjwe eKapa. Esi siganeko sehle ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini kule nyanga.

Isithethi samapolisa eNtshona Koloni, uNoloyiso Rwexana, uthi akukho mntu sele ebanjiwe. Oku kulandela emva kokuba indoda enamashumi amabini eminyaka ubudala idutyulwe yawunabela uqaqaqa.

IPotsoyi ngomnye weminyhadala yomculo omkhulu nobubanjelwe eOstrich Range kufuphi nasePhiladelphinda eNtshona Koloni.

Esi siganeko sibangele ukuba abaququzeleli balo mnyhadala bawunqumamise ngesiquphe, yaye nalowo ebekulindeleke ukuba onwabise abantu ngomculo oyimvumi yeHipHop uAKA ukhabe ngawo omane ukuba angacula emva kokudutyulwa kubulawe umntu phambi kokuba akhwele eqongeni.

“Ngelishwa kudutyulwe kwabulawa umntu kule Potsoyi kwimizuzu embalwa edlulileyo yaye amapolisa awuvalile lo mnyhadala, ndiyaxolisa,” ubhale watsho kwikhasi lakhe leTwitter uAKA kanye kwimizuzu engephi sehlile esi siganeko ePotsoyini.

“Ukuvalwa kwesiquphe kwePotsoyi kulandela ukubulawa komntu ebezimase lo mnyhadala,” utshilo ongumququzeleli uKagiso Kalane.

Uthi iPotsoyi ayiyoPotsoyi ukuba uluntu luza kuphulakana nemiphefumlo.

UKalane uthi emva kwesi siganeko sangoMgqibelo baphulukene nephupha labo kuba lo mnyhadala ulungiselelwe ukudibanisa yaye wonwabise uluntu.

Esitsho kananjalo ukuba bathathe isigqibo sokurhoxisa iinzame zabo zokuqhubeka nezicwangciso zalo mnyadala.

Ukanti lo ibingunyaka wesihlanu uqhuba lo mnyhadala nobutsala umdla kuninzi lwabantu kweli.