Unekhorona uSodolophu waseMgijima

Luleka Gubula

USodolophu woMasipala waseEnoch Mgijima, Luleka Gubula, uxelele iofisi yakhe nabasebenzi balo Masipala ngokubanzi ukuba uchatshazelwe sisifo sekhorona.

Osisithethi salo Masipala, uLonwabo Khowa, uqinisekise oku kwimbalelwano ayithumele kumajelo eendaba.

“USodolophu udize oku ngoMvulo womhla wamashumi amabini anethoba kule yeSilimela, emva kokuba efumene iziphumo ezilandela uvavanyo,” kutsho uKhowa. Ngenxa yoku uSodolophu ugunyazise ukuba kwaziswe bonke abo ebekhe wadibana nabo, kwaza kamva kwavalwa iofisi yakhe, logama engene kwikhwarantini.

“ Ziqhuba ngesiqhelo zonke ezinye iinkqubo zikaMasipala, kuquka nezi zijoliswe ukulwa nesifo seKhorona,” kutsho uKhowa.

Umasipala wesithili saseChris Hani uphakathi koomasipala ababekwe iliso elibukhali ngurhulumente kazwelonke ngenxa yeziganeko eziphezulu zesifo seKhorona. UMasipala wase-Enoch Mgijima wenziwa zidolophu eziquka iKomani nelikomkhulu lalo Masipala, Sterkstroom, Molteno,Whittlesea, Tarkastaad neHofmeyer.

Ethetha neSolezwe lesiXhosa ngesi siganeko, uSodolophu woMasipala weSithili saseChris Hani uWonga Gela uthi lijoni uLuleka Gubula. “Ngaphandle kwamathandabuzo uza kuyoyisa kuba unolwazi olufanelekileyo ngeendlela zokulwa nesi sifo, simnqwenelela impilo,” kutsho uGela. Lo kaGela ukwavakalise ukuba esi ayisosiganeko sokuqala sokuchatshazelwa kosodolophu koomasipala besi sithili.

“Kwinyanga ephelileyo, uSodolophu woMasipala waseNgcobo uSiyabulela Zangqa usoyisile isifo seKhorona. USodolophu woMasipala waseMalahleni uNontombazana Koni naye uthethe phandle ngeziphumo zakhe emva kovavanyo, ngoko ke sinethemba kwabo bathe bachaphazeleka baquka uLuleka Gubula,” kutsho uGela.

Ukwadize isicwangciso sabo benguMasipala esijoliswe ukubuyisela abasebenzi emsebenzini wabo. “Siza kunyusa izinga lokhuseleko lwabasebenzi ngokuphungula inani labantu ababuyayo, abo basebenzisa iofisi.”