Unekhorona usodolophu waseNgcobo

Usodolophu woMasipala waseNgcobo, uCeba uSiyabulela Zangqa, uqinisekiswe ukuba wosulelwe sisifo sekhorona esingxamele ukuxaka kuMasipala weSithili saseChris Hani.

UMongameli weli uCyril Ramaphosa kutshanje udize ukuba uMasipala weSithili saseChris Hani uphakathi kooMasipala beli abachazwe njengeendawo ezinesi sifo sekhorona ngokuqavileyo.

Othethe egameni lomasipala waseNgcobo, uSivuyile Myeko, uthi ngaphambi kokuva oku bebengenazo iingxelo zabasebenzi abachaphazelekileyo kwiiofisi zakwaMasipala.

“NgoLwesithathu siqhube uvavanyo lwabo bonke ooceba nabasebenzi ngokubanzi bakwamasipala ngelizama ukuqinisekisa ukuba yonke into iphantsi kolawulo,” kucacisa uMyeko.

Uthi olu vavanyo lwenziwe ngentsebenziswano neSebe lezeMpilo eMpuma Koloni.

“Sikwacebisa uluntu oluthe lwadibana nosodolophu ukuba luqhube uvavanyo ukuze lwazi okuqhubekayo,” kutsho uMyeko.

Kwiveki ephelileyo kucocwe iiofisi zoMasipala weSithili saseChris Hani eKomani emva kokuba kukho umsebenzi wala masipala ofunyenwe eneKhorona.

“Iiofisi zethu zisavaliwe okwethutyana logama kusalandelwa iindlela ezisemthethweni zokucoca izakhiwo nokuqinisekisa ukuba isifo esi asinwenweli nakwabanye abantu,” kutsho uMyeko.

UMyeko uthi babongoza uluntu ukuba lungazisebenzi iiofisi zakwaMasipala logama kusenziwa iinzame zokucoca ukuze bangaziboni besosuleleka.

“Sicebisa ukuba abahlali basebenzise ooceba babo ukufumana ezinye zeenkonzo zakwamasipala, ngokukodwa iinkonzo ezingxamisekileyo.”

Abasebenzi beenkonzo ezingangxamisekanga bakhuthazwa ukuba basebenzele emakhaya ngeli xesha.

Ngempelaveki egqithileyo, kuvele iindaba zokuba inkosikazi kaSodolophu weSithili saseAmathole, uKhanyile Maneli, uMatilda, ibhubhile ngenxa yentsholongwane yekhorona.

Kusenjalo, kukho izimemelelo zokuba zivalwe izibhedlele eziquka iFrere eMonti neVictoria eDikeni ngenxa yoloyiko lokunwenwa kwesifo sekhorona. Ukanti iNkulubaphathiswa yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, ubongoze abaphathi bezibhedlele ukuba benyuse iikawusi kuliwe nekhorona.

UMasipala waseMalahleni eChris Hani uneziganeko ezahlukeneyo ngesi sifo.

“Zikhona zona iziganeko zokosulelwa kwabantu kuMasipala waseNgcobo, esi sikasodolophu ayisisesokuqala ukuvakala kumasipala ngokubanzi,” kutsho uMyeko.