Ungaphandle ngebheyile otyholwa ngobusela bemfuyo

IKHULULWE ngebheyile izihlandlo
ezimbini kwiveki enye indoda etyholwa ngobusela bemvuyo eMatatiele. 
Lo mrhanelwa uvele
kabini ezinkundleni, emva kokubanjwa ngamapolisa izihlandlo ezimbini
ezohlukeneyo. 

Kwisihlandlo sokuqala uvele kwinkundla kamantyi eMount Fletcher
apho ajongene nezityholo zokuba iinkomo, okwesibini wavela kwinkundla kamantyi
eMatatiele apho ajongene nezityholo zokubanjwa ethengisa inkomo ekurhaneleka
ukuba uyibe eLesotho.


Ingxelo yamapolisa umchaze lo mrhanelwa njengommi
waseLesotho, kwaye uyarhaneleka ukuba umkhuba wokuba imfuyo eLesotho ayithengise
kweli kwiidolophu ezikufutshane nela lizwe.
Isithethi samapolisa aseMatatiele uKhaputeni Raphael Motloung uthe: “Lo mntu
ungena ephuma eziseleni ngesenzo esifanayo. Kungoku nje ufumene ibheyile
yesibini yeR3 000. Uzakuphinde avele enkundleni ngomhla we22 kule nyanga.”

UMotloung uthe ubusela bemfuyi ngumba oxhalabisayo
kumapolisa ommandla oquka iMatatiele, Mount Fletcher,
neMaluti. Ulumkise abafuyi ukuba bayiphawule, kwaye bayiqwalasele maxa onke
imfuyo yabo.

“Kubalulekile ukuba imfuyo ibe nophawu
olungumohluko ukuze kubelula ukuyibona naxa ithe yadibana naba minwe mide.
Uphawu sisiqinisekiso sobunini mfuyo. Nathi singamapolisa sizama kangangoko
ukulwa lomkhwa kule Klasta,” ucacisile watsho uMotloung.
U-Advocate Moipone Noko weGunyabantu Lezotshutshiso uthe isicelo bheyile
sohluka ngokwamatyala nangoko bume bomrhanelwa. 

Ukwathe xa inkundla
ingazifumananga izizathu zokumalela ibheyile umrhanelwa uyakhululwa alinde engaphandle.