Ungaphoswa ngumsitho kaSweet Mama

UZalisile Marwanqana odume ngelikaSweet Mama ekunye neqela lakhe aliqeqeshayo emxhentsweni nasemculweni. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Umonwabisi, umxhentsi okwayiyo nemvumi yomculo oqanjiweyo uZalisile Marwanqana (64) owaziwa ngegama likaSweet Mama kummandla waseMbhashe, uthi eli gama waliphiwa luluntu ngenxa yokuqaphela uthando analo ebantwaneni.

USweet Mama, nosele eneqela elibizwa ngokuba yiSweet African Inspiration Cultural Group, uzalelwe eNqadu kuGatyane, waziwa ngokuma phambi kweevenkile zedolophu ezahlukeneyo ezifana neDutywa, Gcuwa, Gatyana Mthatha exhentsa kwaye ecula kwakunye nabantwana bakhe abaqeqeshayo abangamakhwenkwe nabangamantombazana. Ukwaziwa nangokuhambe ecula emathekweni amakhulu.

Uthi uqale ngo1989 ukuzibandakanya nokuphuhlisa abantwana esengumphangeli emgodini eCaltonville eGoli. Uthi ngelo xesha wayencedwa, ekwasebenzisana nomama owaziwayo kumculo wokholo uLusanda Mcinga kwakunye neqela iMasizakhe Group.

Uthi ngaloo minyaka waqala ngokusungula iqela lebhola emva koko waqalisa nelokuxhentsa kwakunye nokucula awalithiya ngokuba yiSweet African Insperation Cultural Gospel. Uthi wasuswa bubundlobongela obabusenzeka kulutsha lwaseNqadu lwabe lalungenanto yakwenza.

“INqadu yindawo eyayiyebantu ababomvu uyeke nje sele kwangena impucuko. Sikhula kubethwa iintonga, zingadluli ezinye iilali ngaseNqadu. Ndaqala eli qela nje ndandisilwa obo bundlobongela,” utshilo uSweet Mama.

Eli qela ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga liza kube lisonwabisa uluntu lwakuGatyana neziphaluka nanjengoko eza kube ephehlelela icwecwe lakhe lokuqala ngqa elithi Yeyethu Ma-Afrika neliqulathe iingoma ezilishumi elinesithandathu ngaphakathi.

Lo msitho uza kubanjelwa kwaTRACCO kwiKomkhulu laseNqadu, uyaqala ngentsimbi yeshumi kusasa. Kwakulo msitho kulindele iimvumi ezisakhasayo zikaMasikhandi, Mbhaqanga kwakunye neembongi zizokonwabisa uluntu. Umsasazi womculo weMaskandi kwesinye sezikhululo zasekuhlaleni uThembelani Sikilishe Jikijwa uza kube ebhexesha lo msitho.

USweet Mama abanye bambiza Switisi. Uthi sele epheke iimvumi ezininzi kuGatyane. Enye yazo edumileyo imvumi eyaveliswa nguSwitisi ngumculi kaMasikhandi owaziwa ngokuba nguSibawu Senkomo nosele engumhlali eNtshona Koloni.