Unqulo lwabantwana abaselula bamaXhosa

AmaXhosa akholelwa ekuthini uThixo wawo nguQamata uhlala eZulwini kwelesithathu (ilizwe). Kwilizwe lesibini kukwantsonganyawana, kuhlala izinyanya. Ilizwe lesithathu kusemhlabeni, kuhlala abantu.

Lo Thixo mandulo wayehloniphekile kakhulu kangangokuba nabantwana bebenemidlalo yabo efundisa ukuhlonipheka nokuthobela uThixo uQamata.

Zikhona izinto ebekufanele ukuba bangazenzi kuba zilishwangusha kOhlala eZulwini.

UNqaphela ndikhule: Ithi mvula xa isina kamnandi izolile kungekho zindudumo abantwana baphume phandle behamba ze jwi kungekho nesidwashu emzimbeni, bafike phandle baxhumaxhume bedlala behleka, baze baqalise ukuvuma ingoma ethi: “Nqaphela ndikhule! Ndakukhula nini? Ndakukhula ngomso!” Apha abantwana bacela ukukhula ngokwasenyameni nangokwasemphefumlweni, bekwacela nokuphiwa iintsikelelo nemihla emide. Enye into eyenza umdla kukuba bayayazi ukuba into yokukhula kwabo yothatha ixesha elide, “Ndakukhula ngomso!”

Uqilikwana: Uqilikwana sisifo sabantwana sokudumba iindlathi zibe buhlungu kakhulu de umntwana angakwazi kutya. Uqilikwana ngokwesithethe nolwazi lwamaXhosa akanayeza lakumnyanga. Umntwana kufuneka avuke yedwa ekuseni ilanga lingekaphumi, okanye kungenjalo ahambe yedwa ukutshona kwelanga aye kwindawo enezisele ezidala ezingasetyenziswayo aze afike apho agaqe ngamadolo ejonge emngxunyeni wesisele, athethe athi: “Qwilikana, Qwilikana, Hu-* . hu-* ! Suka kum, yiya kwabaneenkomo, Suka kum, yiya kwabaneenkomo!” Emva kokuba umntwana enze yonke le nto yaseziseleni uthi aphile, ziphole iindlathi ezibuhlungu nezidumbileyo. Into eqaphelekayo neyenza umdla kukuba umntwana uhamba yedwa kuphela, ahambe aye kuthetha nezinyanya abonakalise ukuba akananto. Uthi, ‘Yiya kwabaneenkomo’, kuba kaloku umntu oneenkomo yena unako ukungxengxeza ngokuthi izinyanya azixhelele. Izinyanya zifanele ukucela kwabaneenkomo bona bantu banako ukuba baxhele ngokuthi baphalaze igazi, nokuba lelenkomo okanye elebhokhwe.

Ukukhumka: Ukukhumka kukuwa kwamazinyo obuntwana emntwaneni. Uthi umntwana akuwelwa ngamazinyo kufuneke ukuba izinyo ngalinye eliwileyo alijule phezu kwendlu kuba kukho uloyiko lokuba elo zinyo lakhe hleze lingaze liphinde liphume, aze ke yena ashiyeke eyinkumnya. Umntwana xa ejula izinyo uye athethe athi: “Makhulu, makhulu, Thath’izinyo lam elidala, Undiph’elitsha!” Xa umntwana engakwenzanga oku kukholeleka ukuba amazinyo akhe sokuze aphinde aphume, yena uya kusala eyinkumnya ephila sisidudu kuphela.

Ukunqayiza: Abantwana bamaXhosa bazithanda kakhulu izinto ezizikhulela endle, iziphingo, amaqunube, amagontsi, iinongwe, nezinye izinto. Xa bekhangela iinongwe banengoma abayivumayo yokwenza bazifumane ngokulula. Kwakhona le ngoma yenza bangatyhafi ekuzulazuleni befuna iinongwe: Nqayi, nqayi, iinongwe, Nqayi, nqayi, iinongwe,” Kukho inkolelo yokuba bazifumana msinya inongwe xa bevuma le ngoma, futhi ibenza bangadinwa, babenomonde befuna ezo nongwe.

Uphunguphungu: Uphunguphungu ngumbungwana olinqanaba lobubhabhathane. Amakhwenkwana xa efuna iinkomo, okanye ibhokhwe, okanye igusha elahlekileyo, athi afune uphunguphungu aze athethe naye athi: “Phunguphungu ziph’iinkomo zakuthi, Phunguphungu ziph’iinkomo zakuthi.” Inkwenkwana iyamjonga njengoko ephunguza, ukuba uthanda ukujonga ngasezantsi inkwenkwana sel’iqonda ukuba zikwelo cala iinkomo zakowayo.

Umanxunyeni: Amakhwenkwana phambi kokuba adade ezidadweni aqala aphose intlabathi namatyana emlanjeni ecela izinto zasemlanjeni zibaphe indlela, ethetha esithi: “Manxunyeni nto zomlambo, Manxunyeni nto zomlambo!”

Umntwanezulu: Bathi abantwana ukuba badibene nentethe ekuthiwa ngumntwanezulu basondele kuyo bonke baze bacele izinto abazinqwenelayo kuyo. Le ntethe abayibulali, nothe wadlalela kuyo uyalunyukiswa ngelishwa eliza kumehlela, kuthiwe: “Hala madudu, ubulele umntwan’ezulu!” Umntwana uyakhathazeka sesi senzo sokubulala esi sinambuzane, aze angaze aphinde asenze nto kwixa elizayo.

Icekwa: Abantwana banomdlalo abawudlala emanzini xa bedada, okanye ngelinye ixesha bawudlala ngaphandle emhlabeni. Bathi xa bewugqiba lo mdlalo athi lowo ufuna kuyekwe ukudlala, “Ndamgqweji ngenkwenkwezi.” Baza kulandela nabanye begqweja izinto zendalo ezifumaneka esibhakabhakeni, ngolu hlobo “Ndamgqweji ngocanzibe, Ndamgqweji ngembalibusuku, Ndamgqweji ngekhwezi, Ndamgqweji ngenyanga, Ndamgqweji ngelanga, Ndamgqweji ngesilimela, Ndamgqweji ngocelizapholo, Ndamgqweji ngamakroza, Ndamgqweji ngekhwezi lokuqala, Ndamgqweji ngekhwezi lesibini, Ndamgqweji ngelanga lekilisimesi, Ndamgqweji ngenkwenkwezi enomsila, Ndamgqweji ngomnyele, Ndamgqweji ngesibhakabhaka, Ndamgqweji ngehambanamvula, Ndamgqweji ngesoka lasekunene, Ndamgqweji ngesoka lasenxele, Ndamgqweji ngesinamva, Ndamgqweji ngekhwezi lokugqibela!, Ndamgqweji ngenyanga eliceba. Ndamgqweji ngenyanga ezeleyo, Ndamgqweji ngenyanga eligaqa, Ndamgqweji ngenyanga entsha!”

Othe ugqwejile ke uhloma umcinga wengca entloko. Othe akakwazi ukugqweja enye yezinto zendalo ezifumaneka esibhakabhakeni ulala nomlaza wecekwa ekufuneka ezamile ukuwukhupha kuba kukholeleka ukuba uthi umenzele amashwa apha ekukhuleni kwakhe.

Umntwana uzikhwebula kulo mlaza wokulala necekwa ngokuthi ancinde aba bagqwejileyo entloko, kodwa ukuba abagqweji sele behlome umcinga entloko olo ncindo alusayi kubosulela ngecekwa. Kangangokuxabiseka kwecekwa kude kwakho isaci esithi: “Icekwa linawe”, esithetha ukuba yonke into iphezu kwamagxa akho. Ezinye iimbongi kwizibongo zazo nazo zalatha izinto zendalo.

US.E.K. Mqhayi xa wayekhuthaza umanyano wabonga ngowe1929 esithi, “Bizan’izizwe kuza kwabiw’inkwenkwezi, Nina beSuthu thathan’uCanzibe, Nokhangel’abaTswana Nina maZulu thathan’amaKroza, Nobonana namaSwazi namaThonga, Kude kuse kubaTshopi namaTshangana; Nina Bhilitani thathan’iKhwezi, Nabel’amaBhulu namaJamani Sobambana ngeSilimela thina mabandla kaPhalo!

UMtuze P.T. kwincwadi, “UDingezweni,” uyangqina ukuba abantwana babehlonipha uthi, “Ndisalilangazelela ndilikhetha ixesha lobuntwana bam. Sasingatsho kwaphela ukuthi wena emntwini omkhulu, silihlonele, singalibizi igama lendlovu sisithi ngubade okanye umakhulu, sikwantya kwakuthethwa ngoThixo, sihlonipha nohili sisithi ngutatomkhulu. Sasingalenzi inyala phambi komntu omkhulu, kuba sasimoyika njengobawo.