Unyaka uphelile!

Ixesha lokuphela konyaka seliphinde lafika, lingafika ke lo nto ithetha ukuthi kuzoqala unyaka omtsha. Ekuphithizeleni kwethu siphithizeliswa zizinto ezahlukeneyo kufuneka ihlale ezingqondweni zethu into yoba asinayo nenyanga ephakathi siqale unyaka omtsha.

Kulusizi ukufumanisa ukuba nabo banako ukubeka imali unyaka wonke kuthi xa sifika kule nyanga yokugqibela ibathathe iiveki ezimbini qha ukuyichitha imali ebebeyibeke unyaka wonke. Ufike ngoku abantu sebembanguza bethatha bebeka.

Lixesha elingamandanga ncam kum eli ngenxa yezinto ezininzi ezenzekayo ngaxeshanye. Lo gama abantu abaninzi benemincili kuba bezokonwaba nezihlobo nezalamane zabo, kum kuye kuhlale into yokuba asonwabanga sonke.

Noba ngummelwane wakho okanye umntu osebenza naye, into endiqiniseke ngayo ukhona umntu osondeleyo kuwe ongonwabanga wonwabile nje wena, kwaye ke akazukutsho kuwe ukuba akonwabanga.

Bakhona abantu ekumnyama kubo oko bekuqale unyaka, nangeli xesha akukho mehluko usuka apho isimo siya sisibanochatha.

Izinto ebebezithembile nabo babona unyaka uphela zingenzekanga. Xa unyaka uqala kaloku imimoya ibaphezulu sinethemba lale na leya.

Kuthi ke kuba ukwenza ingengokokwethu izinto zihambe ngenye indlela. Uyabona ke olo uhlobo lwabantu akukho nto bebenokuyenza ukutshintsha imeko zabo. Abazikhethelanga uba bazibone bekezondzingo. Noba kunjalo, akulahlwa mbeleko ngakufelwa.

Ze kubekho abo bangalaliyo ngenxa yokwenza kwabo, ngenxa yemikhethe abayenzileyo ekuqaleni konyaka. Umzekelo, bendikhwankqiswe yinto ebendiyive kule veki sisuka kuyo. Umntu ozifake koomatshonisa abaliqela abohlukeneyo.

Bathe abo abatyalayo bakuva ukuba uphunyelwe yibhonasi, bamfuna apho ebekho. Into eseyimbi ke ngoku kukuba akasalali kwakhe kuba ebalekana naba bantu. Phofu utsho ngomlomo wakhe uba soze bazive iimali zabo.

Umntu asebenze unyaka wonke, ze kuthi xa kumele ukuba wonwabela ukubila kwebunzi lakhe kungabinjalo. Uyabona na uba asonwabanga ngezizathu ezohlukeneyo?

Kwincoko ebendinayo nelinye igqiyazana lindibalisela indela elingcungcutheka ngayo kweli xesha lokuphela konyaka.

Xa ndibuza izizathu zoko, uthi ngabantwana. Abantwana bafuna impahla zikanokutsho, futhi bazibiza ngamagama. Xa ndisabela uba bangaphi aba bantwana, uthi bathathu, uyise ufe ethwele umnqwazi.

Yhaz ezinye nje izinto amaxesha amaninzi siyazifaka kuzo singanyanzelekanga. Siyiqala ngaphi singabazali into yokuba sizingange ngempahla ebizayo sibe singafikeleli kuyo? Ndithe xa ndimbuza uba ukhe wahlala phantsi na nabo aba bantwana, impendulo yangu ‘hayi’.

Le nto sibaqhelisa yona nesibavumela yona abantwana bethu, bazobayiyo.

Undixelele noba omnye waba bantwana uyatsho uba o- bani no- bani bona banazo ezi zinto azifunayo, kutheni yena engazubanazo.

Okokuqala, ukuba abantwana bethu asibafundisi uba abantu abafani kwaye abalingani, sizofa sibancinci sibashiye ngasemva bedinga. Asikwazi nanini na singabazali uba senze njengoba abanye abazali besenza kwamanye amakhaya.

Abantwana bethu kufuneka sibaqhelise le nto thina singakhuliswanga ngayo isininzi sethu; ukubahlalisa phantsi sibabekele isimo sinjengoba sinjalo.

Xa sisenza ngathi sinako ukubenzela yonke into abayifunayo bengayidingi, lo nto izosibetha kakhulu. Into ebalulekileyo kukuba umntwana makafumane imfuno yakhe, izinto azidingayo.

Ze sithi xa sinako ke ukwenza amatshamba ethu siwenze zibe nemeko zisivumela. Abantwana abaninzi endibaziyo ekuthiwa abamameli, xa befuna into bayayifuna ke, ngabantwana abaqheliswe njalo.

Kuwo wonke lo mdyuwazo wemali abantu ndicela , sikhumbule nto nye singabazali nabantwana…zimbini qha ezi veki zisiphithizelisayo kule nyanga yokugqibela enyakeni. Emva koko kwa aba bantwana banye kufuneka babuyele esikolweni.

Hayi le yokwenza ngathi besingazi ukuba sinabantwana, iyodwa ke le yoba ibengathi besingazi ukuba bazobuyela esikolweni.

Mandicebise ngelithi, xa nithenga ezeKrisimesi, thengani nezesikolo. Imfundo yomntwana okanye yabantwana bakho mayize kuqala futhi ibeluxanduva lwakho.

Ndikhunjuzwe sesinye isihlobo sam ngomcimbi wencwadi zabantwana bakhe. Uthi oko etshutshumbisa isikolo sabo uba sithumele iincwadi abazokuzidinga zonyaka olandelayo.

Besendilibele tu, andazi kukangaphi mna uluhlu lwencwadi ndilunikwa uqala konyaka nto leyo eye yenze umthwalo usinde nangakumbi.

Ezithengekayo ntozakuthi masizithenge kwangoku ukunqanda into engekehli.

Kufuneka side sibengabantu abacinga phambili kwinto yonke ukwenzela ukuba singazokhala kakhulu.

Ezinye zezinto ezisivisa ubunzima zizinto engesizilungiselele uba besiziqhelisa ukucwangcisa ubomi bethu. Izinto ezikubethileyo kunyaka ophelileyo mazingakuphindi.

Qala into entsha noko kunyaka omtsha. Ewe impazamo sizakuzenza ndiyavuma, kodwa kufuneka sifunde kuzo. Mbi umntu ongafundiyo kwiimpazamo zakhe, kunqaba namathuba okukhula emntwini onjalo.

Amava obomi awahlali minyakeni emininzi oyiphilileyo qha, afumaneka nakwizinto oye wazifunda kolu hambo lobu bomi.

Masikhulisane!