UPhaphama usifun’ apha isithsaba sobuhle!

Phaphama Marabela

KWAKUSEMBOVU ukuba uPhaphama Marabela aphose itawuli njengonobuhle ngethuba engenela uMiss Eagle SA 2018.

Sithetha nje, uMarabela, 21, uphakathi kolu khuphiswano kwaye uphephezelisela phezulu iflegi yeMpuma Koloni.

Encokolela I’solezwe, uthi emva kokuboniswa olu khuphiswano ngesinye sezihlobo zakhe khange aphinde ajonge ngasemva.

“Kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo ndaye ndaboniswa (tag) olu khuphiswano lukaMiss Eagle SA 2018 kwikhasi leFacebook sisihlobo sam.

“Ndalandela imiqathango yokungenela ukhuphiswano ukuze ndityunjwe. Ngenene, ngenyanga yoMsintsi ndaye ndafumana umnxeba usithi ndikuluhlu lwabathathi-nxaxheba,” kubalisa uMarabela.

Le nzalelwane yaseMt Fletcher, neyenza isidanga sofundonzulu ngolwakhiwo lwezakhiwo (ND: Building) eWalter Sisulu University, ibalisa ngaloo mhla wokufumana iindaba ezinkulu.

“Uhlobo endandivuya ngalo! Ndandifuna nokukhwaza ndenze intswahla. Umntu wokuqala endabelana naye ngezi ndaba zimnandi yayisisizalwana sam esandibonisa olu khuphiswano, umntakwethu, yaze yangondihlala naye egumbini lesikolo kwakunye nosapho lwam.”

UMiss Eagle South Africa liqonga lokuphuhlisa amagqiyazana aselula ukuba asebenzise ubuhle, ingqondo kwaye enze umohluko eluntwini.

UMarabela uthi akube ephumelele olu khuphiswano uyakuba sisicaka soluntu ngokuthi axhase, eze nezisombululo kwiingxaki ezambethwe luluntu kwaye abathundezele ekubeni abantu abatsha balandele amaphupha abo.

UMiss Eagle SA unamanqanaba amane. Elokuqala lolwe-contestant, brand ambassador, semi finals nee-finals. Okwangoku uMarabela ukwinqanaba lebrand ambassador.

Ukuba ufumana iivoti ezininzi usethubeni lokuba azuze ibhaso lePublic Choice kananjalo athwale nesithsaba sikaMiss Eagle.

Olu khuphiswano lungomhla we-15 kweyoMnga 2018 eSandton Convention Centre eRawutini.

Xa ufuna ukumvotela ungathumela iSMS ethi ‘Phaphama’ kwinombolo engu-35334. Umyalezo ngamnye uxabisa iR3.00 kuphela.

Ungathanda nekhasi lakhe likaFacebook @Phaphama Marabela Miss Eagle South Africa 2018 Brand Ambassador – EC okanye kwi-Instagram: @phaphamamarabela_mesa2018.