Uphi? Utheni uMabongi?

Mabongi Madondo

Ukuduka kukaBongiwe “Mabongi” Madondo (23) obehlala eScenery Park eMonti kushiye olungathethekiyo unxunguphalo nanjengoko kukholeleka ukuba umenzi wobubi ngumntu othengisa ngamalungu yemizimba yabantu.

UMadondo, yintwazana eyinzalelwane yaseAdams kumazantsi aseThekwini, uduke ekuzeni-kusa ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo, ekwindawo yolonwabo eScenery Park.

Iitshomi zakhe zimbonile ehamba nomfo owaziwayo nogama linguMakhandlela, zathi xa zimkhwaza kwaphendula uMakhandlela esithi bazakuphinda babuye. Kuqengqeleke iiyure engabuyi uMakhandlela noMadondo.

Emva kwexesha iitshomi zikaMadondo zixhalabile, uMakhandlela ubuyile enxibe impahla yangentla kaMadondo. Iqale apho ke inkxalabo, kuba ebengaziwa nokuba uphi uMadondo, kwaye uMakhandlela waziwa ngokwenza okubi eluntwini.

Xa ebuzwa uMakhandlela ukuba uphi uMadondo, uphendule ngelithi umgodusile.

Xa kuyokhangelwa kwindlu ahlala kuyo eScenery Park, kufikwe engabonakali nangotshengele. Iitshomi zakhe nabahlali ziqale ukukhangela kwakhona zayokubika nasemapoliseni.

Ukurhuqa iinyawo kwamapolisa kukhokelele kumsindo wabahlali abaphinde bamncina uMakhandlela, nekukhokelele ekubeni bawuthathele ezandleni zabo umthetho.

Abahlali bambethile uMakhandlela, ngelizama ukufumana inyaniso, besithi badikiwe yintetho yakhe engangqamaniyo.

Ngethuba bembetha abahlali baphawule ukuba ngaphantsi ebenxibe iimpahla (Leggings) zexhoba. Oku kubenze baba ngathi bayaqiniseka ukumbetha wade wabhubha, engabanikanga mkhondo ngomzimba kaMadondo.

Kuvele iingxelo ezithi uMakhandlela ukhe wabulala ndoda ithile kunyaka ophelileyo, wayithathela amalungu omzimba emva koko.

Ngethuba ebethwa utyhole oogxa bakhe ababini esithi banolwazi malunga ngoMadondo. Kukho namarhe okuba omnye woogxa bakhe uphantsi kweliso lamapolisa esibhedlele emva kokubethwa naye ngabahlali. Amapolisa alile ukuphendula kula marhe.

Unina wale ntwazana idukileyo, uSindisiwe Madondo, osuke KwaZulu Natal weza eMonti asakuva iindaba zokuduka komntwanakhe ugxeka amapolisa ngokungaliniki ingqalelo eli tyala.

“Andonelisekanga tu yindlela aliphethe ngalo eli tyala amapolisa alapha. Abayikhathalelanga konke konke intlungu endikuyo. Amapolisa endiwabone ekhangela umntwana wam ebembalwa, ehamba nenja enye kuphela,” utshilo okhathazekileyo, umama wexhoba.

Uthi nokuba kwenzeke ntoni, into ayifunayo ngumzimba womntwana wakhe ayokuwungcwaba eAdams. “Nokuba ngamathambo kuphela, ndingatsho ndixole ngomntwana wam,” utshilo.

UMabongi ufike eMonti ngo-2014 ezokusebenza kwindawo eyenza iinwele eVincent eMonti. Umnini wale ndawo uSesakho Mveku uthi ubuhlungu sesisehlo.

“Ebengumntwana olunge kakhulu futhi ozimiseleyo emsebenzini. Ebethandwa kakhulu ngabantu, futhi abantu abakudidi oluphezulu abazokwenza iinwele kwindawo yethu bebesenziwa nguMabongi, noko ebengamelanga ukuba angabhubha kanje kuba ebenentliziyo entle,” utshilo uMveku.

UMabongi, liphelo likanina uSindisiwe. Ushiya ngasemva abantwana ababini omnye uneminyaka emithathu logama omnye enonyaka onesiqingatha.

Isithethi samapolisa uWaranti-Ofisa Hazel Mqala, uthe okwangoku akukabikho nto ivelayo.

“Amapolisa ebekhe aphuma kwakhangelwa nangetshopha, ebikhangela ehlathini khange kubekho nto ifumanekayo. Okwangoku ulwazi esilifumana kubantu ababehamba nexhoba alusikhokeleli ntweni enosenza sifumane umkhombandlela,” utshilo uMqala

Woleke ngelithi bayathembisa ukuba uphando bazakulenza.