Uphiwe inkomo uMiss SA

UZozibini Tunzi nonguMiss South Africa wamkelwe ngezandla ezishushu kumsitho wokumamkela kwilali yakokwabo eSidwadweni kuTsolo Umfanekiso: BHEKI RADEBE

OsandUL’ ukubekwa kwisihlalo sokuba nguMiss South Africa uZozibini Tunzi, obuye nemali ekwisigidi seerandi, imoto yokunethezeka kanokutsho nendawo yokuhlala eSandton egameni lakhe ngenxa yokuphumelela kukhuphiswano loonobuhle, angazingca nangakumbi ngokuba ngumnini wethole lenkomo.

“Ukubonisa ukuzingca nombulelo ongazenzisiyo kuZozibini Tunzi, ngokuba angaphakamisi kuphela izinga losapho lakokwabo kodwa ngokuphakamisa izinga lelali iSidwadweni, uTsolo neMpuma Koloni ndimnika ithole lenkomo elisuka kwiNdlu yeeNkosi,” utshilo uNkosi Mthawungeni Makhalima ngomcimbi wolwamkelo lwale nzwakazi.

I’solezwe lithethe notata kanobuhle, uLungisa Tunzi, limbuza ngokwenzekileyo ngentsasa yomcimbi wolwamkelo, uphendule wathi: “Nanjengabantu besintu namasiko sivukile ekuseni saxhela inkomo yokwamkela uZozibini nokubulela abaphantsi ngokukhusela le ntombi yabo.” Wongeze wathi “sisebenzisene kakuhle nesebe lozoThutho, isebe lolawulo lweentlekele neqela lozokhuseleko ukuqinisekisa ukhuselo ngexa ukrozo lweemoto lulandelelana ukubheka kuTsolo ukuyokuvuyisana nabantu bakhona ngenxa yenxaxheba abathe bayithatha ukubonisa inkxaso nokuzingca kwabo ngoZozi.”

Sithe ngexa sibuya kuTsolo kuza kuqala umcimbi wolwamkelo, abantwana besikolo esikufuphi iMchasa akhange bakwazi ukuzibamba ngenxa yovuyo ebebenalo, baqhawule naloo masango esikolo ukubona olo krozo lwemoto bazokuzimanya nathi.

“Ngothando ke likaZozibini labantwana siye silusapho sayokubacela ngokwasesikweni ukuba bazokuzimanya nathi kulo msitho,” utshilo utata kaZozibini.

Umsitho uzinyaswe ziintlobontlobo zabantu kuquka uMphathiswa wezoNxibelelwano, Amatolo, abantu besintu kuquka nooMongikazi. Isithethi sosapho sibulele bonke abantu abathe bancama izinto zabo ezibalulekileyo bazimasa lo msitho.

“Ndiziva ndingenamagama ngenxa yothando, ndizingca ngakumbi kuba izenzo zam azincedanga mna kuphela kodwa zincede ukukhuthaza nabancinci kum nabadala ukuba nabo baphuphe. Bendizixelele ukuba namhlanje andifuni ukulila kodwa akuvumi ndithule yimincili endinayo, ndibulela umama notata ngemizamo yabo, eli liphupha lam ndikwakhuthaza abanye abadala nabancinci ukuba baphuphe nabo,” utshilo uZozibini.

Wamkelwe ngamakhulu abantu nabantwana bezikolo ezahlukeneyo, kuculwa iingoma zesintu kuyiyizelwa.