Uqatyelisiwe umnyhadala wezobugcisa kwelaseRhini!

NANGONA bingumNyhadala wezobuGcisa kaZwelonke (NAF) obuwonganyelwe kukushokoxeka kwamanzi, umlilwana ongephi nentiyo kubantu abathandana besini sinye, kodwa ugxalathelwano loluntu kumnyhadala walo nyaka lube yimpumelelo.

Lo, ibingumnyhadala wokugqibela kumlawuli wamagcisa (artistic director) ophumayo uIsmail Mahomed, nosingise eMarket Theatre eRhawutini ukuze angene kwisikhundla sengqonyela yalapho.

Nangona etye tyum ngawona manani, ingqonyela yalo mnyhadala uTony Lankester uthe banemiboniso ekuma-600 ethe athengwa aphela amatikiti yayo, kunenani elikuma- 2 500 emiboniso.

Bayibalela kwi-80% intengiso yemiboniso egcwalisiweyo nangaphezulu, ngelixa umyinge ka-20% ububekelwe oonondaba kunye namatikiti angamanye.

“Ngendikuxelele kwaphambi kwefestival ukuba uDeep Fried Man uzakugcwala. Yena noStuart Taylor kunye noSiv Ngesi ngamaqhula asele ezenzele igama kule festival. Besiyazi ukuba no-AKA, Simphiwe Dana kunye no- Ringo Madlingozi bazakwenza kakuhle,” utshilo.

IRhini ibithwaxwe kukushokoxeka kwamanzi ngexesha lalo mnyhadala, nanjengoko amanzi ecinywe kwiintsukwana ezimbalwa ezandulela lo mnyhadala.

“Asikwazi kuzibona ziseza ezi ngxaki. Kuye kwanyanzeleka singenise izigadla zamanzi eMonument nalapho kwakungekho manzi kobunye ubusuku.”

Ebutsheni beveki ephelileyo, kuqhambuke umlilo ngaphandle kwaseMonument kodwa akukhange kubekho mntu uthe wonzakala okanye monakalo ungamandla kuba uncedo olungxamisekileyo lwemililo lukhawuleze lagaleleka.

Ukuze lo mnyhadala uqhubekeke, kuye kwanyanzeleka ukuba kufakwe isicelo kumKomishinala wamaPolisa kaZwelonke.

Sele kulithuba ngoku lo mnyhadala ubonwa njengodala umngcipheko, yiyo lo nto kutyalwe ukhuseleko lwamapolisa akuma-120 ukuze ayabule kwisixeko saseRhini.

Oko akusinqandanga isiganeko sobusuku boMgqibelo ophelileyo ngaphandle kweFriars Club yodumo kule dolophu. iMamba online ibika ukuba, umfundi wezomculo waseRhodes nezihlobo zakhe, nebezingamaqabane esini esinye, baye babethwa.

Omnye kwaba babini kudizwa ukuba utyhalelwe phantsi waze wakhatywa ngenxa yesibini esithandana sisini-sinye siphuzene kule ndawo yentselo.

Oku kunxakamise iqela labo bathandana besini sinye (LGBTI Community) eRhini, baze babamba imisadulo kulo mnyhadala.

ULankester uthe bayasigxeka esi siganeko kwaye abantu mabavunyelwe ukuba benze abafuna ukwenza kulo mnyhadala, ingakumbi xa bengaphazamisani neenkqubo.

Okunye okutsale umdla, nanjengoko lo nyaka ingunyaka wonyulo, ayiqhelekanga into yokubona iiposta zalo mnyhadala zikhuphisana nezo zonyulo.

isibhalo@inl.co.za