‘URamaphosa lithemba lethu!’

Yangen’ingqungquthelA kwagqekrez’ekhusini, Kwatshawuz’imibane kwaphum’uthikoloshe ezingcongolweni, Zaphum’iimpuku emingxunyeni zinyoshoza, Sabon’ubukhazikhazi bekhwezi buvela, Yanga singatsho ngazwinye sithi “UMANYANO NGAMANDLA” Besekugobe neentsimbi ngathi zifikelwe sisaqhwithi, Sithokombisile ngathi besifikelwe sisitshingitshane, Besingenawo nomqhoko wokuziqhusheka, Bekungekho nomnquba wokuzinqabisa kwezi nkqwithelo, Namhlanje yimivuyo nemibhiyozo, Ngamayeyeye, ngamakhwelo, yintswahla yethemba, Konwatyiwe nguMzantsi Afrika uphela, Lifikil’ixesha ekudala sililindile, Kudala amehlo sawaphakamisela ezintabeni, Sibawa kwaye sinqwena, sinqwenela ukuphathwa yinkokheli enomqolo, Nanku unyana womntu uthi “Thumani mna”

Thumani yena banyatheli beli, Makathunywe kwizizwe ngezizwe, Akalothumelo koko usisithunywa, Yiza mntaka Ramaphosa uhlangule ilizwe, Ilizwe elixwebileyo nelikhedamileyo, Ilizwe elidangeleyo nelonakeleyo, Ilizwe elimanxeba-nxeba, ilizwe eliselusizini, Ilizwe lethu elineenduma ezifuna ukuphululwa, Sihlangule ebugxwayibeni esikubo, Uwayeke amaqili aqabukele ilize.

Akwaba bendiyimbongi ngendikubonga, Akwaba bendiliciko ngendicikoza, Ukuba bendizazi izikhahlelo ngendikukhahlela, Kuhl’ukuphathwa linene hayi imenemene, Ndawufana ndithi Aah! Zanethemba, Ukhangeleka uchubekile ungacubhukanga, Ubukeka unobuchule ungenachuku, Ukubetha kolwimi lakho kunik’ithemba, Intetha yakho ihluzekile ayihlebisi, Usishiye sihlaziyekile emiphefumlweni, Sikuphehlelela ngentsikelelo ezivela kwabalel’ukuthula, Yanga ungasibuyis’isidima sezwe lookhokho.

Uzungasenz’intlekisa ezizweni, Uzungazenzi intlekisa emazweni, Uxhathise ungavumi ukuxhatshazwa, Zijikile izinto, kuphenduke iitafile, Kunokonwaba nokugcoba nyana womntu, Sinukiselwa ngumoya wobumbano, Sinukiselwa ngumoya womanyano, Siphefumla umoya wothando, Siphefumla umoya wethemba, Sikulungele ukuphathwa yinkokheli ehluzileyo kulo mhlab’ungentla, Uz’ungasiphoxi kule miwewe siza kuyihamba. Kuthiwa uliqhawe, Mna ndakugqin’oko mhla ndabubona ubuqhawe bakho, Kuthiwa ulidela-kufa, Ndakugqin’oko mhla wanikezela ngemfundo yasimahla, Kuthiwa uliqhaji, Ndakungqin’oko mhla wabhangisa ubuqhophololo,

Kuthiwa uliqhayiya, Ndakungqin’oko mhla watshabalalisa iziyobisi, Kuthiwa ungumlom’ongathethi buxoki, Ndakungqina oko mhl’amasel’antyumpantyumpeka kwezinomhlwa izisele, Kuthiwa uzosikhupha eGibhitha ezweni lobukhoboka, SIFUN’UMHLABA WETHU .