Urhaxwe wabhubha umlobi weentlanzi!

Usapho lakwaMxhosana kwilali yasePhumlani eMonti lunyembezana emva kokuba unyana walo onamashumi amabini anesithoba ubudala, etshone kumlambo wale lali ngethuba eloba iintlanzi nabahlobo bakhe abathathu.

Lo mfana utyibilike watshona kulo mlambo ngoLwesine ekunye nabanye abalobi, ze umzimba wakhe wafunyanwa ngosuku olulandelayo.

Inkosana yamaGqunukhwebe uZikha Phatho, nokwayinkokheli yabahlali kule lali uthi esi ayisosiganeko sokuqala sisenzeka sokutshona komntu kulo mlambo.

Ingxelo ithi aba balobi bashiye umnatha emlanjeni bagoduka, ze babuya ngosuku olulandelayo nalapho bafike ugcwele ziintlanzi. Ingxelo iqhuba ithi ixhoba lingenile kwisikhephe ngeenzame zokulanda umnatha lowo ugcweleyo kanti kungethuba isikhephe siza koyisakala, labe kanti ixhoba liyohlulakala. Utyibilike watshona emanzini akabonwa.

“Ukuloba iintlanzi ekuseni nangorhatya akulunganga emlanjeni kuba sikholelwa ukuba umlambo ngumzi omkhulu wabantu abadala. Abantu abadala abakufuni ukuphazanyiswa bafuna intlonipho nabo,” utshilo uPhatho.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Hazel Mqala, uthi emva kokuba uzenzele wesikhephe engakwazanga kuhamba emanzini, ixhoba liye larhaxwa kuba lingakwazanga ukudada. Ixhoba lifumaneke emva kwemizuzu engamashumi amane amapolisa ekhangela. UMqala uthi ufumaneke kwiimitha ezintandathu ngaphantsi emanzini.