Usaqaqanjelwa ngumnwe owaqhawulwa ngo1985

UDumisani Sam waseDuncan Village Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UDumisani Sam (61) ongumhlali waseDuncan Village uthi umnwe wakhe oko wawuqaqamba ukusukela ngo1985 kulandela ukusikwa kwisibhedlele iFrere eMonti.

“Ndonzakala emsebenzini ndaphuma izipho, xa ndifika eFrere bandiqhawula umnwe wam wonke.”

USam uthi kwanyanzeleka ukuba ayeke ukusebenza ngokuba kwabathatha ixesha ukuba aqhelane nokusebenzisa ingalo enye.

Uye wacaphula ukuba wayeyiyo nembethimanqindi eyaziwayo ekuhlaleni kwaye wayesele ezenzela igama, kodwa elo phupha laye latshabalala emva kwesi sehlo.

Uthi uba nexhala qho xa kurhatyela ngokuba kulapho iintlungu ziye ziqiniseke khona.

“Kudala ndisehla ndisenyuka, bendityanda bendihlaba iinaliti kodwa andide ndincedakale, xa ndisiya kuvavanyo ndiyabaxelela ukuba ndiyaqaqanjelwa kodwa akukhonto bayenzayo,” utshilo uSam.

Uthi njengomntu ojongene nokunceda usapho lwakhe, uphilela ukubamba amatorho (imisebenzi yethutyana), nalapho kuye kunyanzeleke athabathe ikhefu ngenxa yeentlungu.

“Imali yendodla ndiqale ukuyixhamhla kunyaka ophelileyo, kodwa ayanelanga ukukhawulelana nazo zonke iindleko zasekhayeni, yiyo le nto ndiye ndikhangele le misebenzi ukuze ndikwazi ukuncedisana nosapho lwam.”

Isithethi seSebe lezeMpilo uSizwe Kupelo sithi iinkcukacha zaso nasiphina isigulana azichazwa, kodwa iindlela zonyango ziye zingamsebenzeli ngokufanayo wonke umntu amaxesha amaninzi.

“Oogqirha abayenzi into ngokungeyomfuneko, ngokuqinisekileyo benza okwakufanele bekwenzile,” utshilo uKupelo.