Usekela Mphathiswa unkule inkosikazi kwindawo yentselo

USekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo uMduduzi Manana, utyholwa ngokunkula inkosikazi kwindawo yentselo eRhawutini UMFANEKISO: MICHAEL PINYANA

Uluntu loMzantsi Afrika ingakumbi olo lukumaqonga ezonxibelelwano afana noFacebook noTwitter luyanxakama lusithi uSekela Mphathiswa weMfundo ePhakamileyo uMduduzi Manana makehle esikhundleni kulandela ukubethela oogqirha nezicaka inkosikazi kwindawo yentselo eRhawutini ekuseni ngeCawe. Le mbambano, kwindawo yentselo iCubana eFourways, kurhaneleka ukuba iphenjelelwe ngumba wogqatso lobuMongameli kwiANC apho uManana kuvakala ukuba ebengavisisani noMandisa Duma.
 
Kukwatyholeka ukuba uManana ucatshukiswe yinto yokuba uDuma umbize ukuba yigeyi. Kulapho aqale ukuyitshuxa le nkosikazi apho kuthwa uyibethe yayokuwa phantsi eyayitsala nangeenwele. Intatheli yeSABC uLumko Jimlongo, othi ebekhona ngethuba kusenzeka esi sehlo, ubhale kuFacebook naku-Instagram wakhe esithi uzamile ukunqanda kodwa wabuzwa nguManana ukuba unqanda xa engubani yena. Ityala lokonzakalisa livuliwe kumapolisa aseDouglasdale, ngokokutsho kukaVuyo Mhaga, osisithethi kuMphathiswa wamaPolisa uFikile Mbalula.

                                                Pedro Mapelo's photo.
 
Kodwa uluntu luthi uManana makakhwelele kwisikhundla sakhe, bebanga ngelithi ukubethwa kwamakhosikazi akunandawo kuMzantsi Afrika. Bakwathi uManana ukwenze oku ngenyanga yoomama, ebekelwe bucala ukujongana nokhuseleko kwaneemfuno zamanina. Kushicilelo oluthubeleza kumakhasi onxibelelwano, uManana uvumile ukuba umbethile uDuma. “Uma engithuka athi ngisisitabane ngimshayile ngempama.”
 
Umsasazi weAlgoa FM uJeff Moloi ubhale kuFacebook wakhe: “Ukuxhatshazwa koomama [kwakunye nentiyo kwabo bathandana besisini esinye]. Bekumnandi ukwazi ngawe Mhlekazi, Sekela Mphathiswa!” Omnye umsasazi u-Eusebius McKaiser, kuTwitter wakhe, uthe: “Ngaphandle kokuba u #MduduziManana uyaphika ukuba lilizwi lakhe eli likushicilelo, kufanele simbize unqevu, hayi umrhanelwa.”