Usindise usapho wabhubha umfundisi

Umfundisi uLulamile Obose weUniting Presbetarian Church of Southern Africa eMdantsane, unikise ngobomi bakhe esindisa usapho lwakhe kwidangatya kwizakhiwo zale nkonzo.

Ingxelo ithi lo nyawontle ubhubhele endlwini emva kokutsha ngumlilo emva kokuba ekhuphele ngaphandle abantwana bakhe ababini ebasindisa kwelo dangatya lomlilo.

Othethe egameni lale nkonzo umfundisi uLuzuko Qina, uthi eli qhawe lakwaThixo lizincamile lazenza idini egameni labantwana balo.

“UMfundisi uObose ungumfundisi webandla laseGqirha Ntsikelelo Katiya Memorial eNU2 eMdantsane, umlilo uqatshelwe phaya emva kwentsimbi yesibini ekuseni kwigumbi abe lala kulo elikumgangatho wokuqala kwisakhiwo esi,” ucacise watsho uQina.

Uthi uMfundisi Obose uqaphele lo mlilo wabaleka esiya kumgangatho ongezantsi ekukho kuwo amagumbi okulala abantwana, ufike apho wakhupha abantwana ngaphandle.

“Emva kokuba ekhuphe abantwana ngaphandle uphindele kweli gumbi beli nomlilo kumgangatho wokuqala, akakhange aphinde abuye ke apho, kukrokreleka ke ukuba wonganyelwe ngumlilo esiya kuthatha izitixo zemoto efuna ukukhupha zona ngaphandle kwesakhiwo,” ucacise watsho uQina.

Kule ntlekele uObose uhlangule abantwana bakhe ababini omnye uminyaka elishumi elinesihlanu logama omnye eminyaka isixhenxe, itsho ingxelo.

Ingxelo ithi lo mfundisi ufunyenwe ebhubhile kwigumbi langasese elikwa yinxalenye yegumbi lakhe lokulala kwesi sakhiwo.

“Ndibe ngowokuqala ukufika phaya sele elele etshe kakhulu, bekungekho nto ibinokwenziwa, uphando ke lubonisa ukuba yintambo yombane ethe yatsha nethe yantumeka nezinye iindawo zelo gumbi lakhe lokulala,” ucacise watsho uQina.

Othethe egameni lekhaya lakwa Obose, uAndile Maxam, uthi baxhelekile belusapho ngokushiywa yile ndoda yakwalizwi.

“Ebeyindoda ethanda uThixo, usapho lwayo, ethanda uxolo namarhamente akhe ngokubanzi, sixheleke kakhulu kukushiywa nguye ngolu hlobo,” uthethe watsho uMaxam.

Inkonzo yakhe yesikhumbuzo iqhutywe kwiCawa egqithileyo eBhayi, uzakungcwatywa ngomso umhla wamashumi amabini anesithathu kule nyanga eBhayi.

“Nanjengokuba ebhubhe ngomhla weshumi kule nyanga, sizakuba simbeka apha eBhayi, asikrokreli nto ngendlela abhubhe ngayo, yingozi nanjengoko sele etshilo amapolisa,” utshilo uMaxam.