Usishiyile okaZokufa

Agxwala emswaneni amanxila engoma kukunduluka kwegqala lomngqungqo uBra Lami Zokufa oqutyulwe sisifo sentlliziyo ezinzulwini zobusuko bangoMvulo wale veki.

ULami uzalelwe eKapa kwaNdabeni ngomhla wama27 kweyoMqungu ngowe1931, waze wakhulela eBhayi apho azenzele udumo khona. Uqale ukudlala ipiyano kwiminyaka yoo1940 kodwa uqandusele ubumvumi ngethuba efunda eAdams College eThekwini.

Utata wakhe wayengumdlali weorgan enkonzweni kwaye oko wayekufunde ePhiladelphia eMelika apho ehleli khona iminyaka esixhenxe. Udumo lukaBra Lami njengomdlali wepiyano lwafumana ingqwalasela engakumbi ngethuba ethe wabuyela eKapa kumaqonga olonwabo.

Ufikele kumnakwabo ngo1953 bazinza eLawson Road eCrawford nalapho ahlangene namagqala afana noMbrooks Mlomo, ukudibana kwakhe noMlomo kwamtyhalela ekubeni afune ukufunda umculo ngakumbi.

Udibene noJimmy Adams waseAthlone owathi wamnqwanqwada ekudlaleni ikatari isithuba seenyanga ezintandathu. Emva koko uBra Lami wazivusela iqela lomculo elalinamalungu abuya eBhayi elazenzela indumasi ngokudlala eWoodstock Town Hall, lashiya abaninzi bengawuvali umlomo.

Amathuba anjengala abangela ukuba uBra Lami agudlane imiqolo neengcungcu zomngqungqo ezifana noAbdullah Ibrahim (Dollar Brand), Jimmy Adams, Sammy Maritz , Johnny Gertz, Makaya Ntshoko, Columbus Ngcukana, Cubs, Henry Mokone noMax Diamond.

Emva koko ubengumdlali osebenzisa zonke izixhobo zomculo ebizwa ngapha nangapha ejikeleza iKapa lonke ingakumbi xa edlala noKippie Moeketsi.

Uhleli eKapa iminyaka elishumi elinanye waza kulandwa ngunina owamkhumbuza ukuba ushiye umfazi eBhayi. Ulishiye edlokova iKapa kuba esithi eBhayi italente iyabuna.

Ekubuyeleni kwakhe eBhayi uye walivuthisa inguye nogxa wakhe uElijah Jokazi. Intaphane yabadlali abafana noFeya Faku noZim Ngqawana bebengapheli ekhayeni befunxa lonke ulwazi kuye.

Usishiya ngexesha elibi uBra Lami, sithi huntshu nto kaZokufa asisayi kukulibala!