Usodolophu waseGreat Kei uzakuphelisa ubuhlanga

Usodolophu uLoyiso Tshetsha ethetha nabahlali eQumrha

Umasipala waseGreat Kei – oquka iQumrha, iNciba, iMorgans Bay, iHaga Haga neCintsa – likhaya labantu abaqikelelwa kuma-45 000 ubuninzi.

Uninzi kweli nani luntyumpantyumpeka kwintswela-ngqesho kwaye luxhomekeke kwizibonelelo zikarhulumente is’kakhulu. Ligcuntswana kuphela elinokuthi likwazi ukubhatalela iinkonzo zikamasipala nto eye yenze umsebenzi walo masipala ube nzima ngakunokumbi.

Ekuqaleni kwale nyanga usodolophu walo masipala, uLoyiso Tshetsha, usingathe umsitho wokuqaphela iintsuku ezilikhulu engenile esihlalweni.

“Indawo yethu yokuqala ibikukusebenzisana nabantu ngokubanzi; ukuba uluntu luthathe inxaxheba kwiinkqubo zethu. Sikwasebenzela nokuphuhlisa umqulu wesicwangciso sophuhliso esibanzi (IDP),” uthethe watsho uTshetsha. Emva koko wenze ingcaciso ngezicwangciso zokuqesha abalawuli, ukutyumba iikomiti zeeWadi nokuzingela inkxaso-mali yophuhliso. “Iinjongo zethu kukuphuhlisa iGreat Kei ukuze sizuze lukhulu kwicala lezokhenketho kunye nelezolimo,” uqhube watsho.

Umngeni abajamelene nawo kulo masipala ikwa ngowokuba banezakhiwo ezindala ezidilikayo, ekufuneka zilungisiwe. Iindlela ezimbi nemibhobho endala nayo ifuna ingqwalasela.

Kwicala lentlalo-ntle yoluntu kukwakho nomba wobuhlanga kumacala aseQumrha.

Kulo umba uTshetsha uthi uzimisele ubuphelisa nya ubuhlanga, “Asibinazo ezi ngxoxo. Kufuneka sibenazo ezi ngxoxo noluntu apho sakuthetha ngobuni bethu; sisuka phi, singoobani kwaye lo mba womanyano lwabantu abantsundu nabamhlophe ungalungiswa njani.

“Ndicinga ukuba kunzima kubelungu ukuba bamkele abantu abantsundu apha. Ngumsebenzi. Sizakusebenza nabo. Sizakuthi chu nabo. Asisayi kulalanisa; ukuba abafuni ukulwamkela olu tshintsho sakube siqhuba ke thina. Sakuqhuba de abantu bade batshintshe, babone ukuba ezi zinto bazenzayo azilunganga.”

Ngomhla we-19 kweyoMqungu 2017 kulindeleke ukuba amadoda amabini awatyiswa inyama yezinja avele kwinkundla kamantyi waseQumrha. La madoda aseDeyi abhaqwa ngumfama owayerhanela ukuba bazingela ngokungekho semthethweni kwifama yakhe waze wathi mabatye amathumbu nenyama yezinja zabo. Esisiganeko sothuse abahlali kwaye sijongwe njengomnye wemizekelo yobuhlanga obugquba koomaQumrha.

“Sakube sikhona [ngomhla wetyala], sakuzisa abantu, siqinisekise ukuba abahlali baphuma ngobuninzi babo,” uvale ngelitshoyo uTshetsha.