Usuku lwehlabathi lendlala

Umntwana efumana isuphu nesonka ngosuku lweWorld Hunger Day, koomama baseRhabe, eQonce UMFANEKISO: I’solezwe LesiXhosa

Lawo ibingamazwi esimemo soomama becawe ebiphisa ngesonka nesuphu eMarket Square, eQonce ngoMgqibelo.

Nangona abantu bebengayikholelwa ekuqaleni baye bazincama basondela. Ibingabantwana nabantu abadala bonke bengcamla kule suphu phambi kokuba bayigalelelwe kwikomityi bayokuhlala phantsi bancokole nabanye. Kwezoncoko sive izincomo zodwa, “zange sayibona into enje!” noo “silamba nyani kwezi ntsuku!”

Lo Mgqibelo siphuma kuwo ibilusuku lokuqaphela indlala kwihlabathi lonke, iWorld Hunger Day. Inkonzo yeSt Philips yamaRhabe aseZone 9 eZwelitsha ithe ibone ukuba mayiphume iye edolophini, izibonakalise ukuba nayo iyakwazi ukwenzela uluntu izinto.

“UThixo uthi isandla esiphayo sisikelelekile. Sizokondla abantu. Sijonge uluntu. Asijongi bantu bahluphekayo okanye abatheni, sivisa nje abantu kamnandi.” uthethe watsho uLandezwa Dayimane wale cawe.

Le suphu ebigcwalise iimbiza ezinkulu ezimbini ithathe iiyure ezimbini ukuyipheka; kuyo bekukho iitapile, iminqatha, itswele, ispinatshi, iSoup Mix, irhasi nomxube wenyama.

ULinda Bhe, ongunondyebo kwikomiti yoomama bale cawe uvale ngelithi: “Siyacinga ukuba bekumele ukuba siyaqhubekeka qho, ngoba sibonile ukuba imfuneko ikhona.”

Umhla wehlabathi wendlala, lusuku lokuqaphela nokukhangela isisombululo kwindlala yehlabathi. Amazwekazi amathathu ankqenkqeza phambili ngokwenani labantu abalambayo:

1. Asia: 525.6 yezigidi zabantu

2. Sub-Saharan Africa: 214 yezigidi zabantu

3. Latin America kunye neCaribbean: 37 yezigidi zabantu