‘UTelkom akafuni ukusibhatala’

Ikhaya lakwaMabinda eHighway eNdevana lifuna uTelkom abhatale ngokufaka ipali esasaza amaza onxibelelwano Umfanekiso: BHEKI RADEBE

UAsanda Mabinda ongumhlali waseHighway eNdevana uthi uTelkom uneminyaka eyi23 efake ipali kwiyadi yeli khaya kodwa abazange bafumana mali isuka kubo.

UMabinda uthi le nkampani yenza isivumelwano nomakhulu wakhe uNonkululeko Cynthia Mthuma ongasekhoyo esathi satyikitywa ngumama wakhe, nalapho kwaye kwaqalwa khona ukwakhiwa le pali.

“Kwakuvunyelenwe ukuba uTelkom uza kusibhatala rhoqo ngenyanga, kodwa kunanamhlanje asikafumani nepeni emdaka esuka kubo,” utshilo uMabinda.

Uthi ekubeni ebonile ukuba ubethwa ngemfe iphindiwe waye wabaxelela ukuba bangaphindi babeke unyawo lwabo kwela khaya, nalapho bamgrogrisa ngelithi baza kumbizela amagqwetha ngoba ngumhlaba karhulumente lowa.

“Baye baqhaqha ucingo lweyadi yasekhaya apho babengena ngalo balishiye bengalivalanga.” UMabinda uthi baninzi abantu abaziyo abanayo le pali kwaye bayayifumana imali esuka kuTelkom rhoqo ngenyanga, nto nje eli lishwa lifikele usapho lwakhe. Uye wongeza ngelithi kukho amaxesha apho aziva engakhuselekanga ngoba le pali inobuxhakaxhaka bezinto ezixabisa imali enkulu ezazikhe zabiwa ngaphambili, ngoko ke akayazi ukuba ubomi bakhe bukhuselekile kusini na. “Ndaye ndayaleza abamelwane ukuba xa bebona umntu okanye imoto esondele apha ekhayeni bandixelele ngoba andiyazi into enokwenzeka,” uvale ngelitshoyo uMabinda.

Ngokwentetho yomnxeba, abakwaTelkom baye baphendula ngelithi baza kuqhagamshelana nolu sapho.