Utitshala uth’ ubhentselwe ngabafundi eklasini

 

Isebe lezemfundo laseMpuma Koloni liyavutha ngumsindo emva kokuba utitshala wesikolo samabanga aphezulu iNtsika, eRhini, ebhale kuFacebook wakhe esithi ubhentselwe ngabafundi ngethuba ebahlohla kwigumbi lokufundisa.

 

Lo titshala ubhale kuFacebook wakhe kule veki esithi: “Andisebhentselwe Yehova kule Class…ndithini ke mna? MOER!!!”

 

Ngonyaka ka2014, le titshala iye yabhala kuFacebook wayo: “Ndina[ma]tsheri amayi-5 mna pha kwaGrade 11. Nindenza isilambi…”

 

Le mibhalo idale ukunxakama kumakhasi onxibelelwano, nto leyo ithe yanyanzela isebe lezemfundo ephondweni ukuba lithabathe amanyathelo.

 

Intloko yesebe ephondweni uThemba Kojana, uthi isebe liyibona njengehlazo le nto yenziwe ngulo titshala.

 

“Ndiyasigxeka esi senzo salo titshala, futhi ndiyalele ukuba kwenziwe uphando ngakuye kuba le nto irhuqela eludakeni isidima sootitshala. Ndikwacele icandelo lethu lezomthetho ukuba liphande esi sehlo, lijonge ncakasana umsebenzi wakhe njengesicaka soluntu,” utshilo uKojana.

 

UKojana uthi uphando lwabo luzakuqamela ngesolotya lomthetho elilawula ingqesho yootitshala elaziwa njengeEmployment of Educator’s Act of 1998.

 

“Ndifuna ukulumkisa bonke ootitshala bethu ukuba bazakuphulukana nemisebenzi yabo ukuba basaqhubeka bebona abalingane bokwabelana ngesondo kubafundi bethu,” kulumkisa uKojana.