Utywala ngumbulalazwe!

Kwisithuba seeveki ezintathu ezigqithileyo, ndiye ndanethamsanqa nenyhweba yokubandakanywa kuhambo lokukhuthaza umanyano nembumba yamaNgwevu, ooRhudulu, ooTshangisa, ooMhlatyana, ooSnuka, abantwana bakaMatha, uNomangqosha noMadi.

Olu hambo luye lwakhokelela ekutyeleleni kwizithili ngezithili zamaphondo eNtshona Kapa kwanelo leMpuma Kapa.

Kudityenwe zizizwe, lathakazelelwa ngokungathethekiyo iphulo lebuyambo yooZulu. Xa umntu ke ekukhenketho lweendawo ezahlukileyo, uye abe nezinto aziqwalaselayo naziphawulayo kwindawo nganye ahambele kuyo.

Bekuya kuba kuhle ukuba phakathi kwezinto endiye ndaziqaphela namawethu la, utywala nendlela ebusetyenziswa ngayo sisizwe esintsundu bebungeyonxenye phakathi kwezo zinto ziye zagqama ezingqondweni zethu.

Siyityhutyhile ingingqi yaseMthatha neziphaluka, sehla sinyuka kwiilali neelokishi zaseMonti, senjenjalo naseBhayi, kwiilokishi zaseKapa ezifana nooLanga; Gugulethu; Khayelitsha; Mbekweni; Mfuleni; Khayamandi; Lwandle, sagqithela nakwisixeko saseKapa ngenkqu, kuzo zonke ezi ndawo, kusothuse sabamba ongezantsi ukubona indlela obusetyenziswa ngayo utywala ngomtsha nangomdala kumzi ontsundu.

Andikwazanga kuzibamba, ndabuza kwiintombi nakubafana besizwe esintsundu ngoku kuselwa kungaka kotywala, suka iimpendulo zaphuma zingafihlisi zisithi “isiyunguma esingenatywala sesidikayo,” bambi bathi, “alukho ulonwabo ngaphandle kotywala,” baze bandishiya ndomiwe ngumqa emqaleni abo baye bathi, “ayikho into emnandi ukogqitha ukushusha, kangangokuba usele bude utywala bukubethe ulale thwi, uvuke ungazazi nokuba ufike njani kuloo ndawo ukuyo.”

Athi akuvakala loo mazwi, ephuma phofu kulutsha lwakowethu, yaqaqamba ngoko nangoko intliziyo, uvalo lwabetha ngamandla, ndasuka ndaziva ndinesingqala. Ngena ngeempelaveki kwindawo ezihlala umzi ontsundu. Nabo abantwana bendlu kaPhalo bethe nqwadalala ngakwimizi ethengisa utywala, kuhleliwe konwatyiwe, kuselwa iindidi ngeendidi zotywala basemzini nobunamagama amakhulu ahambelana nobukhulu bexabiso labo. Kuthengwe utywala ngamawethu ide iphele naloo mali kwangolu suku ibifunyanwa ngalo.

Ithi yakuphela imali iintombi zohlanga noonyana besizwe bangoyiki ukuzifaka ematyaleni ukuze kufunyanwe utywala obongezelekileyo, kuselwe kanobom, kujuxuzwa, bambi bashiywe yimintsontso, bambi balale ecaleni kwemigaqo, bavuke bengazazi namagama, baxhatshazwe ngoozungul`ichele abahlala belinde ithuba lokuzanelisa ngentlondi engathethekiyo bexel`amaxhwili neempungutye, ngoko nangoko konzakale abantu, singene isazela sokuzisola, atshabalale namaphupha. Tywalandini uyinto eyayisuka phi na? Yhini ukusitshabalalisa sihleli singayanga kukha ngca isizwe esintsundu.

Umlisela nomthinjana wethu uhlinzana ngeelophisi, kuqangqulwane ngezitshetshe, kugecwane ngoocelemba nangamagrengqe, kuxatyelwane ngamazembe nangeetamahuku, kuhlatywane ngeencula nangamabhozo, kudlwengulwane kuqhawulwa iinkciyo ngokungenalusini, kugqibele ngokugquba kwendlala ebomvu kwiintsapho ngeentsapho.

Indlala igqube emizini kodwa abazali balo mizi, iintombi noonyana balo mizi, alitshoni ilanga bengathenganga tywala, kuselwe, kuyayathekwe, kwakugqitywa kulalwe thwii kungaziwa nokuba iintsana zalo mizi inooshushayo abangoomahlal`eshushu zilala zitye ntoni na.

Sazi sonke ke mawethu ukuba ukugquba kwendlala ngunozala wolwaphulo-mthetho, indlala ngunozala wentiyano, indlala iyaluqhekeza nosapho kumonelwane kuthi saa, indlala igqibele ngokuzala nobundlobongela.

Konke oku intsusa yako kukusetyenziswa kotywala ngendlela egwenxa. Yinto eyayisuka phi na le imlukuhla kangaka umntu? Mandla mani na la wale nto ithi ngoku seyingakwazi kuthetha nokucinga kodwa ikwazi ukulawula ingqondo nentliziyo yomntu?

Hayi tywala ndikuncamile ungumbulalazwe. Nazi iintsana zethu zitshe imilomo yapinki yibranti kwanobunye utywala basemzini!

Nalu ulutsha lwethu nabanye babazali bakowethu bephethwe yingevane emadolweni nayingcangcazela ezandleni ngenxa yewayini. Nazo ke nezisu zithe qhutsu ngathi zezegalimoya yibhiya yasemzini.

Unotshe, azizange zabonwa ezi ngevane, iingcangcazela, iinteshe nemikhaba kwanemilomo etshileyo kutywala besintu umqombothi.

Sekunje nje kukuthanda ukuleqa izinto ezikude kuthi, siyeke oko kukokwethu sakushiyelwa ngookhokho bethu.

Imisebenzi iphelile bobu tywalandini; imizi iphelile bobu tywalandini; iinkokheli zishokoxekile bobu tywalandini; izifo zikhula mihla le bobu tywalandini! Tywala ungumtshabalalisi, ungumbulali wesizwe!

Okuseleyo kukuba kudaleke amandla okukunyamnya, uyekwe kuphele kuthi tu, ukuze isizwe siphinde sivuke sime ngeenyawo!

Amadabi ayenzima sawanqoba sizwe sakowethu, linye ngoku elikhangeleka lifuna ukusitshabalalisa, butywala.

Kukuni ke ukuba nibuvumele budakase bude busibhangise kuphele kuthi tu!