Uvavanyelwe ikhorona usodolophu weBCM

USodolophu waseMonti uXola Pakati ngethuba evavanyelwa intsholongwane iKhorona eGonubie-

Usodolophu woMasipala oMbaxa iBuffalo City Metro uXola Pakati, uthe wenza umzekelo eluntwini kwesi sixeko ngokuthi azigqatse ayokuvavanyela intsholongwane yekhorona kusasa ngoLwesibini, kwirenki yezithuthi zikawonkewonke eGonubie Kings Mall Taxi Rank.

UPakati uthi kubalulekile ukuvavanya uhlale uzazi kwaye ikwaziinzame zokunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane.

“Nangona nje ndingabonisi zimpawu zayo, kodwa ndicinga kubalulekile ukuba uluntu luyibone into yokuvavanya ukuba ibalulekile kwaye iyimfuno,” utshilo uPakati.

Isebe liza kuqhubekeka nephulo lokuhlola uluntu. Kulindeleke ukuba kuvavanywe uluntu lonke, ingakumbi abo baneempawu zale ntsholongwane.

Abaza kuthi kuqalwe ngabo basebenza ngoluntu nasesidlangalaleni abafana namapolisa, ezivenkileni, kwiimall nabasebenza kwiigaraji.

Isebe liza kuqhubekeka lityelela iilokishi zeli kwakunye neelali zaseBuffalo City Metro de ibe ngumhla weshumi elinesithandathu kuhlolwa uluntu.