Uvela enkundleni umfazi obulele indoda yakhe!

Ivela kwinkundla yamatyala eGcuwa namhlanje inkosikazi enamashumi amathathu anesine ubudala nejongene netyala lokuhlaba ibulale umyeni wayo.

Oku kwenzeke ngoLwesibini kule veki kwilali yakwaDeyi eNciba.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa, uKapteni Jackson Manatha, esi sibini siye sanengxabano ebusuku ngoLwesibini ngethuba sisegumbini laso lokulala.

UManatha uthi kule ngxabano yabo, inkosikazi ikhangele imela kwindoda yayo yayifumana nalapho aye wayihlaba kumzimba ongentla.

Ingxelo ithi inkosikazi ikhwaze oomakhelwane ekubeni babize imoto eza kumbalekisela kwisibhedlele saseGcuwa emva kokuqaphela ukuba umyeni wakhe uyaphela.

UManatha uthi oomakhelwane bafike sele ibhubhile le ndoda kwindawo leyo yexhwayelo. Inkosikazi nesele ingumrhanelwa ngoku iye yabanjwa ngamapolisa yabekwa ityala lokubulala.

Inkosikazi iyavela kusasa namhlanje kwinkundla yamatyala eGcuwa.