Uvele enkundleni umfundi waseWSU ngeNyala emapoliseni

UMFUNDI waseWalter Sisulu University, uMfuneko Mankengana (24), uvele kwinkundla yaseMthatha ngoLwesine etyholwa ngokutshisa isithuthi samapolisa esibizwa iNyala kuqhankqalazo obelukhatsha ludushe ngoMvulo.

Isithuthi samapolisa esitshiswe eWSU eMthatha UMFANEKISO: UTHUNYELWE

NgoMvulo uqhankqalazo lwaseWSU lujike lwaludushe abafundi begxogxa amapolisa. Amapolisa amane aye onzakala kolu dushe, ze isithuthi samapolisa sohlobo lweNyala satshiswa saphela vuthu. Elinye ipolisa lisesibhedlele emva kokonzakala kolu qhankqalazo.

Ophethe amapolisa kuzwelonke, uNjengele Khehla Sitole uwaqhwabele izandla amapolisa ngendlela alusingathe ngayo olu qhankqalazo

“Amatyala okonakalisa impahla kwanokonzakalisa avuliwe kwaye aphantsi kophando. Simemelela kuye nawuphi na umntu obone okwenzekileyo okanye owaziyo ukuba ngubani owenze oku ukuba atyelele isikhululo samapolisa esikufuphi naye,” sitshilo isithethi samapolisa uBrigadiya Vishnu Naidoo.

NgoMvulo iWSU igqibe ngokuvala zonke iikhampasi zale yunivesithi.

Unomji obangela le ngqumbo kukunyanzeliswa kokubhaliswa kwabafundi abanamatyala angekahlawulwa, imibandela emalunga nendawo yokuhlala kwabafundi, ukukhutshwa kweziqinisekiso (certificates) zabafundi kwanesibonelelo seencwadi zokufunda, phakathi kwezinye izinto.

Mayelana nokubhaliswa kwabafundi abanamatyala angekahlawulwa, iWSU ithi kugqitywe ukuba abo bafundi bebexhaswe nguNSFAS ngo2020, ze baselungelweni lenkxaso nakulo nyaka, baza kubhaliswa, banikwe indawo yokuhlala futhi bafumane nezibonelelo.

Kwindawo yokuhlala, apho abafundi baseMthatha bebesithi Iphulo Residence mayingabekelwa abo benza izifundo zobugqirha kuphela, iyunivesithi ithi Iphulo, noxa nje ingazukujonga kuphela abo benza izifundo zobugqirha, kodwa iza kunika ingqwalasela kubafundi abenza izifundo zobugqirha ukuze kuhanjelwane nemiqathango efunwa ngabagunyazisi abachophele umbandela wokujonga ukuthobela imithetho kwale yunivesithi kwizifundo zobugqirha.

Ekukhutshweni kweziqinisekiso (certificates), iWSU ithi ixhomekeke kwimpendulo yeNSFAS. Kwisibonelelo seencwadi, le yunivesithi ithi iza kuhambelana nemiqathango yeSebe leMfundo ePhakamileyo.

Ingqonyela yaseWSU, uNjingalwazi Rushiella Songca, uyalele ukuba ivale ngentsimbi yesine malanga ngoMvulo le yunivesithi, de kubuye kwaziswe umhla wokuvulwa kwayo. USongca uthi iyunivesithi iza kuqhuba nokufundisa ngezobuxhakaxhaka kuquka nokuthethathethana neenkokheli zabafundi.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane uthe: “Siyasikhalimela isehlo soqhankqalazo olunodushe nokonakaliswa kwezixhobo zoluntu lusenziwa ngabafundi, nokubangele ukuba isikhokelo saseWSU sivale zonke iikhampasi zale yunivesithi.”

“Uqhankqalazo olunodushe alukho semthethweni. Siyabacela abafundi ukuba bazikhwebule kumkhwa onjeya kuba ubeka ubomi babanye abantu engozini. Izisombululo zingafunyanwa ngothethathethwano hayi ukruthwano.

“Isikhokelo sabafundi kwaneso seyunivesithi masihlale phantsi ukuze sisombulule ukungavisisani, ukuze izifundo ziqale. Ubhubhane weCovid-19 uzichaphazele izifundo nyakenye, ngoko ke masingaphulukani nexesha kulo nyaka,” utshilo uMabuyane.

UMankengana kulindeleke ukuba aphinde avele enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesibhozo kuTshazimpuzi. Ujongene nezityholo zokonakalisa, ukonzakalisa kwanodushe esidlangalaleni.