Uxhalabe yiKhorona ohlala kwisitishi selindle

UMandisa Buzani ohlala elokishini eCambridge ukhala ngokungahoywa kwesitishi selindle kwakhe Umfanekiso: BHEKI RADEBE

Wonke umntu ozithuma kwindlu yangasese kwilokishi yaseCambridge eMonti, ilindle lakhe liya kwisitishi esikwiyadi kaMandisa Buzani ohlala kwisitalato iMdayi.

Cinga ke ngoku ukuba kunjani xa libhudlukile elo lindle. UBuzani utsalele umnxeba I’solezwe lesiXhosa esithi uxhalabe lilungelo lakhe lwendalo ecocekileyo emva kokubhudluka kweli lindle kwiveki ephelileyo.

Sifike kukho iihagu kwelo lindle, zinyhukula elo lindle. UBuzani uthi nkqu nabantwana abancinane badlala ngezinto ezifana neekhondom abazifumana kweli lindle xa bengabonwa ngabazali.

Sifike kwelo vumba likwenza ugubhukelwe yintliziyo.

“Kugcwele ikaka apha eyadini. Le kaka iqale ukubhudluka apha kwiveki ephelileyo. Oko ndizama ukufowunela umasipala. Umasipala ukhe wafika apha, wajonga nje wahamba esithi kuza kuza amanye amagosa.

“Uloyiko lwethu kule nto yale ntsholongwane yeKhorona, kukuba sisemngciphekweni kuba le ndawo ayicocekanga. Kungcono nokuhlala sivule umnyango, ukuba siwuvalile liyaqatsela ivumba lelindle,” utshilo uBuzani.

UBuzani ukwathe: “Ndinabantwana bathathu kwaye bayachaphazeleka yile meko. Ndinomntwana oneenyanga ezimbini obevalekelwe sisifuba ndamsa ekliniki, wathi umongikazi eli vumba linganegalelo.”

Othethela uMasipala waseBuffalo City, uSamkelo Ngwenya, uthe: “Umyalezo ugqithisiwe kumagosa ajongene nale micimbi kunye neengxaki ezilolu hlobo ngelithi mawandwendwele lo mzi ayokuhlola, afumanise ukuba yintoni unobangela kwaye sithini na isisombululo.”

Ithetha nabeendaba eBhisho kwiveki ephelileyo, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyakhumbuze uluntu ukuba luzikhathalele ngeli xesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu.

“Asikho kwiholide bantu bakuthi, thobelani imithetho karhulumente encedisa nina ukuba nizikhusele. Hlala kowenu. Aba bangaqhelanga kuhlala emakhaya, siza kubancedisa ngoku.

“Abantu mabancedise urhulumente sivale amazibuko. Sizama ukunqanda amanzi angangeni endlini. Nawuyazi into ebangela ukuba sixhalabe siliphondo kuba xa le meko yale ntsholongwane ingasasazeka apha eMpuma Koloni, kule meko yethu e-ethe-ethe ngenxa yentlupheko nendlala yabantu bakuthi, iya kusibangela ukuba sibe nengxaki enkulu.

“Abantu mabayeke ukuhambahamba. Sele sibona ukuba ukunqanda ukuhambahamba yindlela yokulwa nale ntsholongwane. Sikwacela abantwana bangasiwa esuthwini ngeli xesha lokuvalwa kokuhambahamba kwabantu.”