Uyazazi ukuba uyaphi ebomini?

Oko iqalile le nyanga kaTshazimpuzi kukho umbuzo onkentezayo engqondweni yam, ingaba ubomi bam bunenjongo na? Okanye mhlawumbi ndingusihamba nje womntu apha emhlabeni?

Ingaba izenzo zam nezigqibo endizithathayo zindisa endaweni eyiyo? Khona izenzo zam ziphantsi kweyiphi impembelelo?

Ndiyacinga ukuba noko umntu oqiqayo umele ahlale azibuze le mibuzo, umntu akhe ayiqondise ihambo yakhe ukuba ibheka ngaphi na. Wena uyazazi phofu ukuba uyaphi? Injongo yobomi bakho yona ithini?

Phambi kokuba sikhe sibonisane ngezi zinto, kuhle ukuba sikhe siphicothe intsingiselo yeligama lithi ‘injongo’.

Eli gama lineentsingiselo ezimbini. Eyokuqala ithi, injongo sisizathu sokwenziwa okanye sokudalwa kwento. Eyesibini kukuzimisela komntu entweni azixelele ngayo.

Namhlanje ndivumele mhlobo wam ndikhe ndiqwalasele kunye nawe intsingiselo yobomi bethu ngokwezindlela zimbini kuchazwa ngayo le nto iyinjongo. Siyintoni isazathu sokuba mna nawe sibe kanti siyaphila ngeli xesha?

Eyam inkolelo yeyokuba wonke umntu olapha emhlabeni ulapha ngenjongo, akukho mntu ulapha ngempazamo. Nokuba abazali bakho abazange babucwangcise ubukho bakho, bekunyanzelekile ukuba uzalwe ngeli xesha uzelwe ngalo ukuze ufezekise injongo yakho.

Wonke ubani unento ethile adalelwe yona, nendima ekufuneka eyidlalile kwimbali yesizwe sakhe. Akekho ke omnye umntu onokuyidlala indima yakho, nguwe wedwa qha qwaba.

Masikhe sicaphule umzekelo kwimbali yelizwe lethu. Khawube nombono ukuba abantu abafana nooOliver Tambo, ooSteve Biko, ooNelson Mandela nabanye, bebengazange bayifezekise injongo yabo yokuba semhlabeni ngekunjani eMzantsi Afrika.

Utata uTambo wayefuna ukuba ngumfundisi wezakwalizwi kwinkonzo yamaTshetshi, kodwa yabe eyona njongo yobomi bakhe iyeyokuba abe ngunozakuzaku kumazwe aphesheya esebenzela inkululeko yethu.

Ngokokuzalwa, uMandela kwakumele ukuba uyinkosi eMvezo, kodwa injongo yakhe yamtsalela kwelinye icala lezopolitiko. Le nto iyinjongo iyakwazi ukukususa kule nto ubucinga ubomi bakho buzakuba yiyo, ikuse apho bekumele kakade ukuba uya khona.

Ngamanye amaxesha ukulandela injongo yakho akusiso nesigqibo sakho, iba zimeko ezikubeka kule ndlela wawudalelwe yona.

Omnye kuba injongo yobomi bakhe ikukuphilisa isizwe, umbone elandelwa yintwaso angakwazi ukungayihoyi. Uninzi lwethu sesi zezi zinto sizizo nje, kwaphela imali yokufunda umntu esazimisele, kwanyanzeleka ukuba axoze mphini wumbi, kanti ngolo hlobo uzakugagana nenjongo yakhe.

Izilumko ke uyakuziva zisithi yonke into yenzeka ngesizathu, iba njalo ke xa umntu ekhokelelwa kwinjongo yakhe.

Ubokhe uqwasele iimeko odlule kuzo ebomini bakho ukuba ayizizo ezithe zakubeka kule ndawo ukuyo namhlanje na, kwaye ezimeko zisezaku kwehlela zibe zikukhokelela kwinjongo yobomi bakho. Umthandazo wam mnye, inga sonke singahlangana nenjongo yethu emhlabeni sisenamandla okuyifeza.

Usayikhumbula la ntsingiselo yesibini besithethe ngayo yenjongo? Kaloku besithe injongo kukuzimisela komntu entweni azixelele ngayo. Xa ungumntu oqiqayo noneminqweno yekamva eliqaqambileyo ngobomi bakho uye ube nezinto osebenzela ukufika kuzo.

Ukuba ungumntwana wesikolo, uba nenjongo zokuphumelela zonke izifundo zakho khona ukuze ukwazi ukufumana amathuba engqesho aphucukileyo.

Ukuba ungumntu ophangelayo uye usebenzele ukuba ugqwese khona ukuze ufumane ukunyuselwa nokungezelelwa imali kumvuzo wakho.

Zombini ezi zinto ngumzekelo wenjongo umntu aba nazo ngempumelelo yakhe.

Ukanti ke naseluthandweni, xa umthanda umntu wakho uye ubeneenjongo ngaye, mhlawumbi ezokuba nitshate uthembeke kuye yedwa ubomi bakho bonke.

Ukuba apha emhlabeni ubuphila nje ungenasizathu, zibhence uziphuthume ixesha liyasongwa. Ubomi obungenanjongo abunantsingiselo.