Uyinene Mrwetyana: ‘Molo mama!’

Abazali bakaUyinene Mrwetyana ngethuba kuqhuba inkonzo yesingcwabo eMonti

“Molo mama!” Le ibiyindlela aphendula ngayo ifowuni * -Uyinene Mrwetyana (19), esitsho ngendyondyo yelizwi, xa efowunelwa ngumama wakhe uNomangwane Mrwetyana.

Oku kungenxa yokuba le ntwazana ibithabathe izifundo ngesini (gender studies) kwaye ibisele iphakathi esizikithini sedabi lokulwa nokungcikivwa kwamakhosikazi ezandleni zamadoda.

Oku ke ingasisizathu esibangele lo mfundi weYunivesithi yaseKapa (UCT) alwe kumhlaseli wakhe ngaphakathi kwiPosi iClareinch eKapa.

UMphathiswa wamaPolisa uBheki Cele uthi * -Uyinene akalwanga nje kanye momhlaseli wakhe, kodwa kabini. UCele uthi * -Uyinene walwa okokuqala nomhlaseli kodwa waphinda wavuka phantsi walwa.

Kwinkonzo yomngcwabo wale ntwazana, ebibanjelwe eAbbotsford Christian Centre eMonti phambi kokuya kungcwatyelwa eQina kuCentane, amalungu osapho amchaze njengegorhakazi, inenekazi elithanda ucoceko nobunyulu, inenekazi elithanda umculo neencwadi, inenekazi elithanda impolo kwanokuzilolonga.

Kowabo ebebizwa Uyi-Uyi, maxa wambi kuthiwe Uyi okanye Nene. Ebekuzilile ukutya okunenyama, asele amanzi ekwathanda nokudlala isixhobo somculo sohlobo lweseksofoni. UEsona Mrwetyana, ubhuti kaUyinene, uthi bebekhe babhidane ngesixhobo (remote) sokuvula umabonakude.

“Umbone evuka ekuseni esiya kwigumbi likamabonakude ukuze ankonye iRemote. Njengokuba ndiqhele ukufika kukho isiselo ekhitshini, bekungenjalo ekhaya xa ekhona. Uyakufika kukho ijagi yamanzi egcwele amagqabi,” utshilo uEsona.

Ebhubha nje * -Uyinene, ebephezu kwamalungiselelo okukhupha unina ayokumngcamlisa iwayini, ze baye kumdlalo wokujinga emaweni nasezintabeni.

UNomangwane uthi uza kuya kulo mngcamlo wewayini ukunika imbeko kwiminqweno yentombi yakhe. Ukwabhengeze ukuba uza kuseka iUyinene Foundation ukunceda abasetyhini abaphantsi koxhatshazo.

UMabhele Mrwetyana, utata kaUyinene, uthi uya kuyikhumbula intombi yakhe ngeencoko malunga nomculo nepolitiki, ingakumbi uthando lwayo ngoSteve Biko. “Ebethanda uSteve Biko kuba ebefuna ukwazi ukubaluleka kokuzazi.”

Le ntwazana ibikunyaka wayo wokuqala eUCT isenza isidanga seBA: Media and Film Studies. Phambi kokuya eUCT, ufunde eHudson Park Primary eMonti ze wayokuphumelela uGrade 12 eKingswood College eMakhanda.