Uyintyatyambo ehlume sele ibunile

UZandile Mawela waseCala ongunesi. Umfanekiso: Uthunyelwe

UZandile Mawela wakwaMbenge eCala, oyinesi, wayeneminyaka emine ezelwe ngethuba ebhujelwa ngutata, wathi xa eneshumi elinesixhenxe leminyaka ubudala wabhujelwa ngumama wabo owayenesifo seswekile, nowabhubha sele enqunyulwe imilenze yomibini ngenxa yesi sifo.

Emva kokubhubha kwabazali bashiyeka bekhuliswa ngumakhulu wabo, makhulu lowo naye wasweleka emva kokudlwengulwa akugqiba wabulawa.

Bakhulela kooronta ababini abavuzayo xa kusina imvula, bemane bekhetha ongcono kunomnye. Namhlanje uMawela ungumzekelo wokuba nokuba intyatyambo ingabuna kodwa iyakwazi ukuhluma phantsi kobo bunzima.

Uthi xa unephupha ebomini, ufuna ukuba yinkwenkwezi ngenye imini, intsukaphi yakho ayiye ikuthintele koko yeyona iye ikuphe amandla.

“Ukuba ngumntwana azange nabasekhaya abantwana sikonwabele njengabanaye. Sikhule kanzima ekhaya, yabe indim omdala ebantwaneni basekhaya, sikhuliswa ngumakhulu kungekho lula. Siphila ngokucela ukutya elalini, okubuhlungu kukuba ndandisele ndisaziwa xa ndingena emzini ukuba ndizokucela into ndingekavuli nomlomo.”

“Iyunifom yesikolo ke yona yayisoloko ipetshwa eli icala, kukrazuke elinye, nezihlangu zesikolo kunjalo, ndithiywe negama ngentsokolo yam ngabafundi. Bekunzima nokuba ufunde endlini xa ndibuya esikolweni kuba sibaninzi, inye kwaye ingenandawo ithe gabalala,” utshilo uMawela.

Kodwa konke oku kutsala nzima kukaMawela kwaye kwayimbali emva kokuba yaba nguye yedwa owaye wathathwa esikolweni sakhe eBathandwa Ndondo S.S.S kwisibonelelo sikaEngen Maths and Science ngethuba esenza uGrade10 ngenxa yobukrelekrele bakhe.

Kwesi sibonelelo sakwaEngen babengena iiklasi ngeMigqibelo, behlohlwa izibalo, inzululwazi kwakunye nesiNgesi iminyaka emithathu de waphumelela uGrade12 wakhe.

Uthi ukuthathwa kwakhe nguEngen kwamenza waziva engumntu naye oneenjongo, kwavuselela ubuyena awayengabazi ngenxa yokusokola.

Uthi uEngen watshintsha ubomi bakhe, engazange abucinge bunganje namhlanje. Emva kokuphumelela kwakhe wafumana enye ibhasari yemfundo eUniversity of Western Cape, efundela ubuNesi.

Uphinde wabuya wazokusebenza iminyaka emithathu kwizibhedlele zeli phondo zikarhulumente.

Phambi kokumiswa kweentshukumo elizweni wayenezicwangciso zoyokongeza imfundo nolwazi lwakhe kwilizwe laseSaudi Arabia.

UMawela ngoku ungumama kubantwana bakowabo abajonge kuye. Umyalezo kaMawela kumanye amanina eli loMazantsi Afrika uthi amanina mawazazi, omelele kwaye awadingi mntu ongubhuti anokuxhomekeka kuye ukuze baphile.

“Sinetalente, sinengqondo, sinako konke umntu ongumama akudingayo,” uvale ngelo uMawela.

U-Unathi Magida wakwaEngen uthi uyavuya ukuba esi sibonelelo sidlala indima enkulu, sitshintsha nempilo kwabatsala nzima. UMagida uthi lamchukumisa kakhulu ibali likaMawela.

UEngen Maths and Science School Programme injongo kukuphuhlisa amanina aselula kwaye kutshintshe nempilo yabatsala nzima.

Esi sibonelelo siqala kuGrade10-12. Ezi klasi zibanjwa eMonti, Bhayi, Cala, Goli naseThekwini.