Uzakuvula indawo yokushicilela umculo umfana waseLusikisiki

U-Odwa "Barman" Magawula waseLusikisiki kwindawo yokushicilela umculo azakuyivula ngokusesikweni ekupheleni kwale nyanga. Umfanekiso: Buziwe Nocuze
Uzakuvula indawo yokushicilela umculo (Studio) aphinde afundise ulutsha lwaseLusikisiki uOdwa “Barman” Magawula oneminyaka engamashumi amathathu ubudala, nongumphathi wekampani ezakwenza lo msebenzi iSes’la productions.

Lo kaMagawula nongumhlali kwilali yakuHombe eLusikisiki uthe owona mnqweno wakhe kukubona ulutsha lwale ndawo lusenza izinto ezizakulinkika impumelelo ukuze lohlukane nokuzibandakanya nezinto ezingalunganga.

Uqhube wathi,”Ukutsha lwalapha lunaso isakhono ntonje lufuna uncedo.”

Uvakalise ukuba ukuba esi studio azakusivula ekupheleni kwale nyanga yoMqungu ufuna ukunceda abo sele beneengoma zabo ukuba bazishicilele, aphinde ancede nabo bafuna ukuba ngooDj.

“Ndinethemba lokuba umasipala wethu uzakufaka isandla ekuphuhliseni isakhono solutsha lwalapha kuba xa sibambisene lingehla izinga lokusetyenziswa kweziyobisi kwakunye nolwaphulo mthetho,” utsho uMagawula.

Lo kaMagawula ukwaveze ukuba nangona efundele umculo kwiidolophu ezinkulu ubonile ukuba makangahlali kuzo, koko azonceda ulutsha lwendawo asuka kuyo njengabantu abahlala ezilalini, nalapho amathuba anqongopheleyo kunasezidolophini.

Abo banomdla wokushicilela okanye ukuba ngooDj ngabaqhakamshelana noMagawula ngomnxeba kule nombolo 078 011 4065.

UMagawula ukwathe ulutsha oluhlala ezilalini malungaziyekeleli kuba lusithi luhlala ezilalini koko malenze lo nto linesakhono kuyo. Uqhube wathi, “Abantu bakholelwa ukuba ukuze baphumelele kufuneka baye kwiidolophu ezifana naseRhawutini,yilo nto ndibonileyo ukuba mandizise iRhawuti kubo.

Ukwathe, ukuvulwa kwale ndawo kuzokonga imali kwabo bebefudula besiyokushicilela kwezinye iidolophu, besuka eLusikisiki.