‘UZuma akasosibhanxa, akafundanga qha’

UMONGAMELI Jacob Zuma akasiso “isibhanxa”, ingxaki yakhe akafundanga qha, ngokokutsho kwegqala leANC uPallo Jordan.

UJordan ebethetha njengesithethi sembeko eMonti kutshanje kwisifundo ngobomi bukaOliver Reginald Tambo ebesibanjelwe kwiholo yaseFort Hare iMiriam Makeba.

“KuTambo wawusizisa umqulu wengxelo ombaxa, emva koko awufunde ze nithethe ngawo kusasa, kodwa ayinokwenzeka lo nto kuZuma. Asikokuba usisibhanxa, ingxaki akafundanga qha.

“UZuma akanangxaki ngumntu ofikelelekayo, ungayibuza lo nto nakomnye umntu. Qha ingxaki ibakho xa kufuneka umnike uxwebhu ekufuneka alufunde, akakwazi,” utshilo uJordan.

Lo kaJordan uthethe ngoTambo esithi yinkokeli eyayilushica kodwa inesakhono sokumamela ezinye iinkokeli.

Ubalule iinkokeli ezifana nobesakuba nguMongameli weli uThabo Mbeki esithi ziinkokeli ezafunda kuTambo.

UJordan uthi kwakukho ixesha apho iinkokeli zaseAfrika zazikhetha ukwenza ubudlelwane nePAC endaweni yeANC, kodwa isakhono sobunkokeli buka-Oliver Reginald Tambo bakwazi ukuba buyilungise loo meko.

“Emva kokuba kuthunywe uTambo ukuba ayokulungisa ubudlelwane obukekeleyo phakathi kweANC neenkokeli zaseAfrika, izinto zabuyela esiqhelweni,” utshilo uJordan, ekwathi le nzalelwane yaseNkantolo, eMbizana, yayithembekile kumsebenzi wayo wokongamela iANC ukususela kunyaka ka1967 ukuya koka1991.

UJordan uthi nangona nje iphiko lomkhosi leANC, Umkhonto weSizwe, lalisekwe nguNelson Mandela ngo1961, oyena mntu washiyeka ejongene neli phiko nguTambo buqu, emva kokuba ebanjiwe uMandela.

“UTambo wayeyinkcuba-buchopho ezikisisayo ukucinga oku. Wayenamacebo angaphaya okuqubisana norhulumente wengcinezelo, ekwenza oko ngokumamela iingcebiso zamanye amaqabane.

“Kodwa ke wayekwadalwe njengomntu olishica, imsebenzela lo nto, kuba wayenesikhokelo esiluqilima. UTambo wayeyingqwayi-ngqwayi ekunzima ukuyithelekisa nabanye abantu ngenxa yobuchule bakhe obungaphaya bokucwangcisa izinto,” utshilo uJordan.

UTambo uzelwe ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kweyeDwarha ngo1917 ze wabhubhela eRhawutini ngo1993 eneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu. Ukuba ebesaphila ngeneminyaka elikhulu kulo nyaka.

Urhulumente okhokelwa yiANC ubeke lo nyaka njengonyaka kaOliver Reginald Tambo.